UMahlangu uthi akajiki

Itshantliziyo lamalungelo abasebenzi uVusi Mahlangu uthi, useza kuqhubeka esilwela abasebenzi beYunivesithi iWalter Sisulu nangona ebebanjwe wavalelwa kwiveki ezimbini ezidlulileyo ngezityholo zokuphosisa nokulahlekisa ingalo yomthetho.

UMahlangu ukutsho oku ngethuba ethetha nabasebenzi abalinganiselwa kumakhulu amathathu eFreedom Square eMthatha ngoLwesihlanu, kwimizuzwana nje ekhululwe yinkundla yamatyala ngebheyile yamakhulu amathandathu eerandi (R600).

“Sizoliphumelela eli dabi, andizukurhoxa kuba ndiphuma ejele. Ukubanjwa kwam kundenze ndanamandla ndakhuthazeka nangakumbi, ndibulela inkxaso endiyifumeneyo kubasebenzi. Lo nto ibonakalise ukuba eli dabi alikho ngam kodwa ngabasebenzi bonke,” utshilo uMahlangu, ongumfundi e-Unisa.

Umemelele abasebenzi bezinye iiyunivesithi ukuba bangenelele balwele amalungelo abo. Bebonke abasebenzi abebezonika inkxaso enkundleni balinganiselwa kumakhulu amathathu.

Umbuso awukhange ukuchase ukunikwa kwebheyile uMahlangu. Igqwetha lakhe uBayethe Maswazi lithi, isamangalisa into yokubanjwa kwakhe ngamapolisa emveni kokuxhwilwa.

Ukwathi okwangoku akanawutsho umbuso unetyala eliluqilima ngakumrhanelwa.

UVuyo Mtonintshi wephulo #OutsourcingMustFall eWSU, uthi ababuyi ngamva kwaye abasebenzi abanangxaki nakugxothwa, kodwa elidabi bazoliphumelela. Inkundla ilimisele umhla weshumi elinanye kweyeKhala kulo nyaka ityala.