UMaimane ugaye inkxaso eMthatha

Inkokeli yeDemocratic Alliance uMmusi Maimane ugaye inkxaso kummandla waseMthatha ngoLwesihlanu weveki ephelileyo apho axelele amalungu alo mbutho kule ndawo ukuba lifikile ixesha lokuba kuvotelwe lo mbutho.

Le nkokeli ithethe nabaxhasi beli qela abebegcwalise iholo kwisikolo iKhanyisa eUltra City nekulapho ebalule izinto eziliqela eziquka izithembiso zolonyulo loorhulumente basemakhaya oluzobanjwa kwinyanga ezayo.

Evula nje umlomo wakhe uthe abanakuthi abantu bayayazi inkululeko besahleli kwintlupheko nakwiimeko ezimaxongo.

“Iqela leDemocratic Alliance malinikwe ithuba lenze inkqubela phambili. Sifuna ukufaka amashishini kule ndawo kuba xa bendingena apha abantu bathi akukho manzi, akukho misebenzi, akukho mbane. Ingxaki apha ayiyo mali kodwa sisikhokhelo esikhoyo esizosikhupha. Sizobonisa abantu ukuba inguqu yaqala apha, kwaye izoqhubeleka apha kule ndawo,” kutsho Maimane. Abalandeli beli qela babonakalise uchulumanco beqhwaba izandla zizithembiso zeli qela.

Ukwathe “Sakuphatha lo masipala asizuqesha malungu eDA kuphela sizoqesha bonke abantu abakwazi ukwenza umsebenzi wabo abawuqeshelweyo.”

“Emva kolo nyulo sizobuya sizohlala phantsi sive abantu bafuna siqale ngantoni kuba kwindawo ekulawula kuyo iDA akho nomnye umasipala onorhwaphilizayo. Asizukhetha uceba ongazufumaneka efunwa ngabantu ngenxa yokuba ehlala kude,” kutsho uMaimane.

Izinto ezichaphazela ilizwe lonke akazishiyanga ngaphandle. Uxelele abantu ukuba mabavotele utshintsho hayi umbutho obaziyo ukuba batya emveni kweminyaka emihlanu ubanike iipasela zokutya.

Ukwabalule egxibha inyathelo neenzame zikarhulumente zokuthenga inqwelo moya kamongameli exabisa ibhiliyoni ezine zeerandi.

Inkosi yesizwe saBathembu uPhandulwazi Mhlontlo uthe: “Ikumkani yethu ngomhla we-16 kaJulayi 2013 yazimanya neli qela leDA, yasibiza isixelela ngesigqibo sayo. Kwaqhawulwa ubulungu bayo emva koko yafunyanwa inetyala, kodwa wathi akasikhuphi kweli qela, lo nto isenza sinike igunya eli qela ligayinkxaso kumhlaba waBathembu.

Sinika eli qela inkxaso engagungqiyo.” Abalandeli beli qela bebesuka kummandla we-O- R Tambo ngokubanzi. Phakathi kweenkokeli ebeziyinxalenye yalo msitho ziquka uVeliswa Mvenya nabanye.