UKHWELE ezehlela kwiANC, nakuMongameli Jacob Zuma uMmusi Maimane kwindibano yeDA ebiseBhayi eNMMU ngeCawa.
Oku kulandela intetho kaZuma echaza iDA ngelithi iyinyoka, kwaye ilusana lweNational Party.
OkaMaimane uthe iANC ingcatsha iphupha likaMandela lokumanya abemi beli, kwaye uZuma usebenzisa ubuhlanga ngenjongo yokutsala iivoti.
“UZuma ukhumbula inkqubo yengcinezelo, ingathi uyayithanda kakhulu indlela ebekukade kungayo kweli lizwe,” utshilo okaMaimane.
Ukwathe uZuma uzame ukuzikhusela ngemithetho yexesha lengcinezelo, ngethuba ezama ukuzikhusela kuphando ebeliqhutywa, emva kwenkcitho-mali esetyenziswe ngethuba kuphuculwa ezokhuseleko kwikhaya lakhe eliseNkandla.
UMaimane uthe iinkokeli ezifana noMandela, uOliver Tambo kwakunye noSteve Biko zazichasene neyantlukwano ngokobuhlanga.
“UZuma akohlukanga kwindlela awayecinga ngayo uVerwoerd. Kodwa sizakumbonisa ngomhla wesithathu ka-Agasti ukuba sikrelekrele kunaye,” uqhube watsho.
UMaimane uthe iANC yangoku isebenzisa ubuhlanga kuba ayinambono ngeli lizwe, ngaphandle kokuzithengisa kusapho lakwaGupta.
Uthe, “Akusekho nkokeli zangaphambili kwiANC ezifuna ukubonwa kunye noZuma, kwa uThabo Mbeki akafuni kunxiba sikipa seANC kaZuma agaye inkxaso.”
UMaimane ucaphule intetho kaBiko ethi, “Esona sixhobo sinobungozi kwisandla somcinezeli yingqondo yalowo ucinezelweyo,” watsho esithi ingqondo kaZuma ifana neyomntu osacinezelweyo kuba akayikholelwa ukuba umntu omnyama angakhokela iqela elinabamhlophe.
Ukwathe imali ayalelwe ukuba ayihlawule uZuma sisavenge, usezakubhatala, njengoko kulindeleke ukuba abe seluvalelweni.
Ulebele ngeltihi iDA izimisele ngokungciba iintanda ezadalwa yinkqubo yengcinezelo.
Abafana Bes’thende babambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership!