UMajodina ukhwele ezehlela kwi-Ajax

LIGXEKWE ngokuswela inkathalo iqela lebhola ekhatwayo i-Ajax Cape Town ngumphathiswa wezemidlalo nenkcubeko eMpuma Koloni uPemmy Majodina.

UMajodina ebethetha izolo kwisingcwabo somdlali weliqela uCecil Lolo obebekwa kwikhaya lakhe lokugqibela kwilali iChebe kuCentane. UMajodina ugxeke eliqela phambi kokuba umphathi walo * -Ari Efstathiou ephelekwa ngumqeqeshi uRoger De Sa bagaleleke kule lali.

ULolo ulandulele eli ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kwinyanga ephelileyo emva kokuba isithuthi sakhe sithe santlithana nesinye waswelekela kwakwindawo yentlekele.

Usodolophu womasipala waseMnquma, uBhabha Ganjana kwakunye namanye amagosa aseburhulumenteni bebeyinxalenye yalo mngcwabo. Nemibutho elawula ibhola ekhatywayo equka iSafa, iPSL, iqela lebhola leliphondo iChippa United namaqela asekuhlaleni. Kwintetho yakhe uMajodina uthe, ukungabonakali kwabadlali be-Ajax kubonakalisa ukuba ubom bomntu omnyama bubaluleke kuphela xa esaphila eKapa.

“Eli qela lenze imali eninzi ngalo mfana kodwa ngoku kunzima ukukhupha imali izokungcwaba,” utshilo uMajodina.

Uncome uLolo ngelithi ubephephezelisa iflegi yeMpuma Koloni, “ikhaya leengqwele apho ahamba khona.” UMajodina uthe: “Bendikhona bephumelela [neqela le-Ajax] indebe yeMTN 8 eBhayi, ndadibana naye.”

Ukwathe ulinqwenelela ukuba lingaze liphinde liphumelele iqela le-Ajax. Umphathi we-Ajax * -Ari Efstathiou uthe: “Sisebuhlungu siliqela le-Ajax, abadlali bebekunqwenela ukuba lapha, kodwa ngenxa yale ndawo (uCentane) akukwazekanga.”

“Sohlala simkhumbula, isikipa ebesinxiba [Nombolo 21] sisixhomile, sithiye nendawo ehlala ababukeli ngaye,” utshilo * -Efstathiou. Uthe iqela le-Ajax lenze konke elinako ukuhlonipha uLolo.

“Sibambe izikhumbuzo ezibini eKapa, umntu obesichazela ngendlela eza apha khange acacise kakuhle, kusithathe iiyure ezintathu ukufika apha,” utshilo.

Ugxa kaLolo uMark Mayambela odlalela iChippa United yena uthe: “Ndilahlekelwe, sikhule kunye, sisenza izinto kunye. Ukusweleka kwakhe yilahleko enkulu kum.” Inkosi yale lali uDilizintaba uyale ulutsha ukuba lizimisele ukudlala ibhola.

“UCecil uphuma kwikhaya lebhola, umninawa wam wayedlala emva, mna ndisalibamba nangoku ikhuba kuba ndikhule ndidlala ibhola,” utshilo uDilizintaba.

ULolo ushiya ngasemva abazali bakhe, nabantwana bakhe abathathu.