Kuzakuphela ukudinga into yokwenza kubantu bommandla waseBhayi emva kokuba umphathiswa wesebe lezemidlalo , ubugcisa nenkcubeko kweli phondo uPemmy Majodina etyelele isixeko saseBhayi waze wavula amathala eencwadi.
Lo kaMajodina ebeseBhayi kwiveki ephelileyo kwaZakhele, eKuyga naseColchester.
Ongusomlomo kweli sebe * -Andile Nduna, uthe eli lilinge lesebe lakhe ukukhuthaza ukufunda kubantwana nabantu abadala besebenzisa imithombo ye-intanethi neencwadi.
Ethetha nabahlali ngethuba ebevula elinye lala mathala kumabala ezemidlalo uWolfson Stadium KwaZakhele, uMajodina uthe, la mathala alikamva labantwana nesizukulwana esizayo ekudingeke ukuba abahlali bawalondoloze.
“Ningathi ke xa ninemiba nomasipala wenu ngokuziswa kweenkonzo nikhuphele imisindo yenu kuwo, sisebenzise iimali ezinkulu ngeenjongo zokwakha abantwana nesizwe sethu, ningawatshisi la mathala,” utshilo uMajodina.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika iza kufika ngoLwesine