UMajodina waba izitya zesebe

YIMALI engange R843 yezigidi eyabiwe ngumphathiswa wezobugcisa, inkcubeko kwakunye nemidlalo uPemmy Majodina kunyakamali ka2016-17.

Le mali izakuqinisa iziseko ezine zeli sebe. UMajodina udize ukuba i20.6 yezigidi izakuncedisa kwimfundiso ngomgaqo siseko nokukhuthaza ubuthandazwe.

Oku kuquka i7.9 yezigidi ezakuncedisa kwimibhiyozo yeYunivesithi yaseFort Hare. Eli ziko lemfundo lizakuqhuba imibhiyozo yeminyaka elikhulu.

Ukwathe kuzakombiwa amathambo angamashumi amahlanu anesibini wamajoni ayelwela inkululeko nawaxhonywa ePitoli.

Isiseko sesibini seli sebe kukunika amathuba alinganayo nokukhuthaza ubudlelwane phakathi kweentlanga.

Eli phulo lizakuzuza imali engange 251.7 yezigidi.

Oku kuquka iminyhadala eliqela ezakuqhutywa kweli phondo kulo nyaka. Imali eyiR11.9 yezigidi iya kwisiseko sesithathu ukukhuthaza uluntu elinenxaxheba nobunkokeli.

Ukanti i29.8 yezigidi kuphuculo lwemo yentlalo yoluntu ngenjongo yokudibanisa iintlanga njengonozala wempumelelo kuluntu ngokubanzi.