‘UMakhanya wenze

intando yakhe eNkandla’

Uyenzile intando yakhe uMinenhle Makhanya obejongene nokwakhiwa kwekhaya likaMongameli uJacob Zuma eNkandla KwaZulu Natal.

Uvakale esitsho umphathiswa wemisebenzi yoluntu kuzwelonke uThulas Nxesi ePalamente eKapa kule veki.

Ukanti kwelinye icala umphathiswa wamapolisa uNathi Nhleko ukhala esimantshiyane esithi umongameli ayimchaphazeli nakanye into yokwakhiwa kwezindlu zohlala amapolisa namajoni kwakhe.

UNhleko umile ngelithi kuzo zonke ezi meko makugqityezelwe ukwakhiwa kweli khaya likamongameli.

Amaqela aphikisayo atsho ngazwilinye ukuba umongameli wavuma ukuhlawula , yaye ezimisele kuba ubuhlanti bakhe bungaphezu kwemali eyayimiliselwe yaye lo nto wayingqina phaya kwi-ofisi kaThuli Madontsela yaye bukhona ubugqina.

Bagxininisa besithi kumphathiswa wamapolisa uthetha eziphikisa xa esithi umongameli makangabhatali le mali kuba yena mongameli uzimisele ukubuyisa imali yabantu bomZantsi Afrika.

Ithe yaxhomisa amehlo into yokuba umnumzana Makhanya oyinjineli ibenguye kwakhona ongumlawuli wale nkqubo yokwakhiwa kweNkandla. Ume ngqo uNxesi esithi kufuneka nalowo wathi wamonyula ukuba enze lo msebenzi kwela sebe abanjwe esenza into engekho mthethweni.

Akukho nalinye iziko lezempilo elikhuselwe ngebullet proof, sibhedlele, zikolo kodwa le yaseNkandla yenzeke njani kuba ngokunokokwam kukudelela abantu , lilonke lo mzi kamongameli mawunikwe abantu balapha eMzantsi Afrika xa esihla njengomongameli.” UMaimane ilungu lepalamente leDemocratic Alliance.

Liye labuza ke elinye lamalungu ePalamente eliphuma phaya kwi-INkatha Freedom Party uNarend Singh,

“ kungani kutsha nje apha eNkandla ukusukela ebuhlanti kusuke kwadla-kadlaka, kwakho izinto ezibiwayo ngaphakathi kwamongameli ezindlini zonke ezi zinto zenzeka bephi abagadi?

“ Ivelile into yokuba izigidi ezingamashumi asixhenxe (R78m) ihlawulelwe kwenye yenkampani , kodwa ayaziwa uba yenze ntoni.