Umakhi ongabhatalwayo uqhaqha amaphahla ezikolweni

Abasebenzi benkampani iSiyaphambili Trading ngethuba beqhaqha iphahla lesikolo samabanga aphantsi iXwili esikufutshane eMthatha umfanekiso: Yolande Feni

Unokontrakha obesakha iizundlu zangasese kwisikolo selali iXwili ufike ngentseni yangoLwesibini ehamba ngetrakhi elayishe abasebenzi bakhe nalapho bafike baqhaqha iphahla kwizindlu zangesese ezazokhiwe yinkampani yakhe ngonyaka ka2017 kwisikolo samabanga aphantsi selali le.

Le nkampani ebikhe yagcwala emaphepheni kunyaka ophelileyo emva kokuba yathi yatshixa izindlu zangasese kwizikolo ezine kuquka nesi saseXwili neyaziwa njenge Siyaphambili Trading 98cc isakhala ngokuba, iMvula Trust eyangena kwisivumelwano somsebenzi neSebe leMfundo lephondo iMpuma Kapa neyathi yaqasha yona njengeSiyaphambili, ayikabhatalwa imali ekwakuvunyelwene ngayo, efikelela kwizigidi zeeranti.

Umsebenzi wesebe lemfundo obethetha ne I’solezwe lesiXhosa uthe imbi into yokuba iSebe livumele ihlazo elinje.

Ukwathe uyayazi into yokuba iSebe alifuni into yokuba inyala elinje lifikelele koonondaba kodwa ke naye akazukuthini xa imeko inje, ngoba ngoku kuhlazeka bona beliSebe, ngesehlo engesilungisiwe xa besithe sathathelwa ingqalelo kwa ngethuba ngabo bachaphazelekayo.

Ophethe inkampani iSiyaphambili Trading 98cc uJerry Sifanele uthi, kulonyaka uphelileyo waye wathobela umthetho wenkundla nanjengokuba eyihlonipha xa yayisithi angayi esikolweni.

“Inkundla yathi ndingezi esikolweni kodwa ke ngoku andizanga esikolweni ndize esayithini le endiyisebenzayo. Xa umakhi esakha uye asikelwe umgama wokusebenza kuwo nothi aziwe njenge sayithi ade ayogqiba ukusebenza ngokuthi anikezele isakhiwo eso xa egqityiwe ukubhatalwa, ngoku ke ayikenzeki lonto,” utshilo uSifanele.

Uthi amalinge okubhatalwa uwenzile iminyaka emithathu yonke kodwa imbalelwano ethe akazubhatalwa yiMvula Trust yiyo emqhubele kwesisenzo esi.

“Ngenyanga yoMnga baye bathi eMvula Trust mandibanike iphepha elibonisa imali ekufuneka ndiyibhatalwe ndaze ndenza njalo ke nam, kodwa babuye besithi abazundibhatala lemali endiyifunayo bazose babone ngokwabo ukuba bamdinike malini yona . Kulapho ndibone khona ukuba nendelelo ikhona apha. Yilonto sele ndisenza kanje ngoku,” usatsho lo kaSifanele.

Wongeze esithi sele eqhaqhile kwizikolo ezifana neGwegwe kunye neTantseka kwaye usezokubuya azoqhaqha ifestile ngoba zezi zinto angazibhatalelwanga ezi.

“IMvula Trust yaye yathi mandigqibezele ndifake iphahla nefestile kwizakhiwo zezindlu zangasese njengezinto ezenziwa ecaleni kwincwadi eyalela umsebenzi, ndatsho nam ndenza njengamyalelo wabo kodwa ngoku bayala ukundibhatala lemali ekwakuvunyelwene ngayo. Ndizophinde ndibuye ndizoqhaqha iifestile nephahla eli lonke ngoku,” wongezile uSifanele

Inkampani yenjineli ebihlola umsebenzi iMayenzeke yona yawenza umsebenzi wayo yaze yathetha neMvula Trust ukuba yonelisekile ngumsebenzi yatsho inika uSiyaphambili Trading 98cc isetifiketi sokugqiba umsebenzi.

“Thina siyiMayenzeke asinothetha kulomba nanjengokuba iSiyaphambili yayingene kwisivumelwano neMvula Trust ukuba kuzobhatalwana malini kanjani, thina besihlola umgangatho womsebenzi kuphela kwaye sayenze lonto,” utshilo uJonga Ngcebetshe weSiyaphambili Consultants.

Othethela iSebe leMfundo kwiphondo iMpuma Kapa uLoyiso Pulumane uthe umphathi weSiyaphambili Trading unetyala kukungoku.

“Obu bubusela nokonakalisa isakhiwo, kwaye lo unokhontrakhi uwugwetyelwe lo umba kukungoku. SIwaxelele amapolisa ngaye,” utshilo uPulumane.

Ethethela Imvula Trust uMashao Mohale uthe iMvula Trust isiqaphele ngelishwa isenzo solwaphulo mthetho kunye nokuziphatha okothusayo ngumnini we-Siyaphambili Trading 98 CC, uJerry Sithembiso osebenzisa igama le-Mvula Trust.

“ISebe leMfundo eMpuma Kapa lithathe laa khontrakhi sele ikhankanyiwe ngaphambili malunga nokuziphatha ngendlela efanayo kunyaka ophelileyo kwaye inkundla yammisa uSiyaphambili Trading 98 CC koku kulandelayo, phakathi kwezinye, Ukugxila, ukugrogrisa, ukuhlukumeza okanye ukuhlasela nabaphi na abaqeshwa beSebe, ootitshala okanye amalungu eSGB kwizikolo ezichaphazelekayo,” utshilo uMohale.

Wongeze esithi beyiMvula bajonge iSiyaphambili Trading kunye nomniniyo uJerry Sifanele njengo chasana nomyalelo wenkundla kwaye bayathemba ukuba i-isebe lemfundo lizakwenza iinkqubo yomthetho ukumenza aziphendulele.

Othethela amaPolisa kule ngingqi uKapteni Dineo Koena uthe akukabikho tyala livuliweyo.