Umakhulu ubukele umzukulwana edlwengulwa

Ixhegwazana elineminyaka engamashumi asixhenxe anesithandathu lisadandathekile nangoku emva kokungenelwa sisibhongobhiyana somfana esimxelele ukuba asizanga kudlwengula yena koko sifuna ukudlwengula umzukulwana weli xhegwazana.

Esi sehlo senzekele eDimbaza eQonce. Encokolela I’solezwe lo makhulu uthi, uve ngomnyango ugungquza phambi kwentsimbi yesithandathu ekuseni wathi esamamele kwemuku umfana kwigumbi lakhe lokulala ngethuba esalele nomzukulwana wakhe oneshumi elinesibini ubudala.

Lo mfana ungqale ngqo kumakhulu emkrwitsha kwaye emxelela ukuba “andizanga kuwe wena kuba kudala wazala ndifuna umzukulwana wakho.”

Umakhulu uthi umbuzile ukuba ufuna ntoni ngeli xesha kwaye uzokwenzani, waphendula osele ejongene netyala lokudlwengula, uLonwabo Samela, ngelithi uyazazi ukuba ufuna ntoni.

Ngethuba sifika kwikhaya eli sifike umakhulu ekhala zizivubeko zokukwitshwa nokuphathwa gadalala nguSamela.

Ebalisela I’solezwe lo makhulu uthe: “Emva kokuba engenile ungqale kum endikrwitsha engafuni ukuba ndikhale wathi akazanga kum kuba mna kudala ndazala uyazi uze kubani kwaye esithi ‘ndiza kwenza le into ndizoyenza ugqiba kwam ndinishiye nife nobabini’.”

“Ngoku andikrwitshayo ngesinye isandla uthoba umzukulwana wam impahla yangezantsi. Uzenzele kumzukulwana wam wabe esitsho kabuhlungu isikhalo esithi ‘ibuhlungu imilenze yam ndiyeke’,” utshilo umakhulu.

Kweli khaya zonke iifesitile kwakunye namacango akhuselekile kuba kukho iintsimbi zokhuselo. Umama ongumakhelwane, ofike kuqala kweli khaya emva kokuva isikhalo somntwana akuba uSamela sele egqibile uthe:

“Zange ndibuze ukuva kwam isikhalo ndaphathelela ndazokukroba ndingumntu ongumama ndinjalo kuba ndicinga umakhulu. Ndafika kunzima bekulo meko imbi.”

Omnye ongumhlali, uMandisa uthe, uSamela kudala wayenza into yokuhamba enkqonkqoza ingakumbi kule mizi ingenawo amadoda.

“Kweli ixesha ufumene okumfaneleyo kudala wasihlukumeza esinda kuba ebeye ababhaqwe esaqala abaleke.”

Usihlalo wekomiti uSiphiwo Bophi uthi balidlulisile uxwebhu lwezikhalazo kwinkundla ngoLwesibini eDimbaza ngethuba evela uSamela.

Kolu xwebhu bathi umrhanelwa makangayinikwa ibheyile kuba uyakuba nobungozi kumaxhoba kuquka nasekuhlaleni.

UBophi uthi bebephume ngobuninzi babo bengabahlali beyokuxhasa olu sapho esithi, umntwana kwakunye nomakhulu ngabantu abafanele bayakhuseleka hayi ukuxhatshazwa.

Uthi baligqithisile uxhwebhu kodwa beqale ngokuzelwa ngumtshutshisi waseDimbaza ngokuba ebengabahoyi kakuhle.

USamela uzakubuyela kwakhona kwinkundla namhlanje umhla wesine kule yeDwarha. Ushiyeke ngaphakathi eziseleni kuba kusaphandwa ityala.