Umakoti ungenela uMrs Africa

Noni Mbete

Ukuzimanya ngeqhina lomtshato uselula akuthethi kuthi uvalelekile kumathuba okuziphuhlisa.

Oku kudizwe ngokumagqibela kankqoyi kukhuphiswano likaMrs Africa Continental 2016 uNoni Mbete.

UMbete (26) oyinzalelwane yaseBhayi ngumama wabantwana ababini. Uthi kumaxesha amaninzi abantu abatsha bathi bakungena emtshatweni bayeke ukuqhuba neenzame zokuzikhulisa.

“Siye sithi kukuphela kobomi okanye kukuzibophelela emtshatweni,” utshilo uMbete.

Uthi ukungenela uMrs Africa Continental kuthetha lukhulu kuye. “Kuthetha lukhulu kwaye kundifundisa nendlela yokuhlangabezana nemicelimngeni yobom, kuba ukuba nezihlalo ezithathu ebomini, akululanga. Ukuba ngumama kubantwana bam, ndibengunkosikazi emyenini, ndibe ndinoxanduva lo msebenzi,” utsho uMbete.

Uthi, noxa kunjalo ukuba ngumama akumxhalabisi kuba uMrs Afrika zezinye zezinto abazifundiswayo ezo. KuMrs Africa bengamanina bafundiswa ukuba noxanduva lokubangumama onothando, okwaziyo ukusombulula iingxaki zehlabathi ezijongene namanina, ulutsha kwakunye nabantwana.

Olunye loxanduva abalunikwa nguMrs Africa kukunakekela abo bangathathintweni, ukufundisa amantombazana amancinci ngemicelimngeni yokukhula, kwanokuxhobisa amanina asematsha kwinto yonke kuquka nezoshishino.

Uthi uluntu oluninzi lusenento ethi ukungenela ukhuphiswano lonobuhle kukukhwela eqongeni ubonise ngomzimba wakho. Kodwa kuMrs Africa akunjalo, bafundiswa okuninzi kuquka nokuzithoba nohlobo omawuziphathe ngalo xa ungumama wekhaya.

UMbete, uthi, eyona nto ayithandayo kukuba abantwana bakhe bafunda into eninzi kuye. Ukwathi, uzama kangangoko ukuchitha ixesha nosapho lwakhe.

Ushiye umyalezo kumanina asenalo ithuba lokuziphuhlisa kobubom, esithi, kumyeni nakubantwana bakho ungumzekelo kwizinto ezintle ozenzayo. Kwa nakwimizamo yakho ukuze babenekamva eliqaqambileyo kuxhomekeke kuwe mama wekhaya. Nalo umyalezo ngomnye abaxovula phezu kwawo kuMrs Africa.

Olu khuphiswano liza kubanjwa ngomhla we-16 kwinyanga yoMnga e-OR Tambo eRhawutini. Ungamtyelela kuFacebook (Noni Mbete- Mrs Africa Continental Finalist 2016) ufumane inkcukacha zokumvotela.

Le nzwakazi, yaphumelela ibanga layo leshumi kwisikolo samantombazana iRiebeek Collage eTinarha ngo2008. Apho wathi waphumela isitsaba konobuhle sokuba nguMiss Riebeek 2008.