UMakupula akayindawo nangona kukho ukunganeliseki

Umphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni, obhungcileyo kwizikhalo zabo bathi makashiye kwesi sikhundla. Umfanekiso: Siyanda Zuma

Zife namthanyana iimfuno zabo bathi makagxothwe
uMandla Makupula njengomphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni. Oku kulandela iziphumo
zebanga leshumi ezingabanga ntle kweli phondo.

IMpuma Koloni isekwindawo yokugqibela ngeepesente
ezingamashumi amahlanu anethoba zabafundi abaphumeleleyo. Ikhwelo elithi makagxothwe uMakupula livele kwiinkalo ezohlukeneyo.

Kwimibutho yezopolitiko iEFF eMpuma Koloni ibe yinxalenye yabo bathi kwanele yindlela eliqhuba ngayo eli phondo kwezemfundo xa lithelekiswsa namanye phantsi kweliso  likaMakupula. Lo mbutho uyalele inkulumbuso yephondo uPhumulo Masualle ukuba amgxothe lo kaMakupula.

I-EFF ikhwele izehlela kuMakupula ngelithi
akenzi kwanto ekusombululeni eyona miceli mngeni mincinci exabe endleleni
yekamva elingcono labantwana beli phondo.

Ingxelo ekhutshwe ngumququzeleli walo mbutho
uYazini Tetyana ithi, “Unyaka nonyaka iziphumo zibi. Oko simane sinikwa
izithembiso zobubhanxa, ekungekho nto yenziwayo ngazo. 

Iinwadi zokufunda
zithunyelwa kade ezikolweni, abafundi bafundela kwizindlu zodaka, ngelixa
abanye behamba umgama onganga-30 weekhilomitha ukuya esikolweni.” 

Ukanti
umbutho wabafundi iCOSAS igxeke bobabini uMakupula noMasualle ngelithi
batshintshatshintsha iintloko zamasebe kwiSebe lezeMfundo, bengaboni zinguqu
koko.

Noxa kunjalo uMasualle uthi ayikabi loxesha
lokugxotha mntu eli. Endaweni yoko uMasualle ulumkise ngelithi umakhele
umkhanyo lo kaMakupula.