UMakupula ukhumbuza iphondo ngeHollywood yaseMelika

UMphathiswa wezeMfundo uMandla Makupula ukhuthaze izikolo ukuza zizithathele ingqalelo izifundo zobugcisa UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni, uMandla Makupula , ukhuthaze abafundi basemaphandleni kweli phondo, esithi mabazisele iliso izifundo zobugcisa kuba uqoqosho lukwaxhathise ngezobugcisa kwezi ntsuku.

Ethetha eStirling eMonti, apho ebebhengeza ngokusesikweni iziphumo zebakala leshumi elinesibini (Grade 12), uMakupula wenze umzekelo ngeHollywood yaseCalifornia eMelika, esithi inendumasi nje kungenxa yezifundo zezobugcisa.

“Andifuni ukuba ngathi ndithetha ubuhlanga, kodwa izikolo zabantu abamnyama zinento yokuzithatha izifundo zobugcisa ezifana neVisual Arts, Dance neLiberal Arts njengezifundo zezikolo zeeModel C.

“Kodwa xa ujonga ehlabathini, ingakumbi eHollywood phaya eCalifornia, ubona ukuba olwa qoqosho luphaya [lwemiboniso bhanya-bhanya] luqhutywa zizifundo zobugcisa. Yiyo le nto sithe sakhupha isicwangciso sokukhuthaza izikolo zethu zonke ukuba zinike ingqwalasela kwizifundo zobugcisa,” utshilo uMakupula.

UMakupula ukwaqhwabele izandla ootitshala, abafundi nabazali beli phondo ngokuphucula iqondo lokuphumelela kukaGrade 12 ukusuka ku-59.3 weepesenti kunyaka ka2016 ukuza ku-65.8 weepesenti ngo2017.

Noxa kunjalo, iphondo laseMpuma Koloni lisarhuqa emva xa lithelekiswa namanye amaphondo kwezi mviwo.

” Komnye umntu ingabonakala iyinto encinane le, kodwa thina sikubona oku njengomsebenzi oncomekayo. Abafundi bethu abaphumelele ngeeBachelor bonyukile ukusuka ku-18.9 weepesenti ngo2016 ukuza ku-23 weepesenti ngo2017. Yinto esincumisayo kakhulu le, kuba kubalulekile ukujonga kumgangatho weziphumo,” utshilo uMakupula.

UMakupula ukwabonakalise ukudana sisikolo iBhongolethu SSS yaseChris Hani, ebinabafundi abalishumi elinesixhenxe kuGrade 12, kodwa akukho namnye okhe waphumelela.

“Kuza kufuneka sisiphande esi sikolo, noko yinto engamkelekanga le,” utshilo koonondaba.