UMalema ugxeka i-ANC ngemeko kaDalindyebo

INGENISWE kwisibhedlele sabucala eMonti ikumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo.

Oku kuvele kutyelelo le-EFF entolongweni yaseMonti apho uDalindyebo abhantinta khona ngesigwebo seminyaka elineshumi elinesibini. Umongameli we-EFF uJulius Malema, uxelele oonondaba ukuba le kumkani ibikwaye into esiwa phantsi kwempumlo ukususela ngecawe weveki ephelileyo.

Ulaliswe kwisibhedlele iSt Dominics eMonti nalapho ebefakwe imibhobho yokumfaka amanzi emzimbeni. UMalema ukhwele ezehlela kurhulumente we-ANC ngelithi wenze impazamo ngokuvalela uDalindyebo.

Uqhube wathi, “Akukho nemfuneko le yokuba ikumkani icele inceba kuZuma, uyayazi yena ukuba ikumkani bekungafanelekanga ukuba ivalelwe entolongweni.” Uthe nangona wonke ubani ofunyenwe enetyala kufanele ukuba agwetywe kodwa bekufanele ukuba ikumkani ivalelwa endlwini kunokuba ithotywe isidima ifakwe entolongweni naye wonke ubani.

“Aba bantu bazinkokeli ngokuzalwa, ngoko ke kufanelekile ukuba naxa ethe wophulwa umthetho iqatshelwe into yokuba uyohlala eyinkokeli yabantu, ngoko ke sithi i-ANC mayiphinde isiqwalasele isigqibo sokuvalelwa kwekumkani,” utshilo uMalema. Uthe kukho abantu abenze ulwaphulo mthetho oluqatseleyo, watsho ebalula umongameli weli uJacob Zuma kwakunye nesekela lakhe uCyril Ramaphosa.

Uthe: “Kukho abaphuli mthetho abaqatseleyo, abafana nalo wongamele eli lizwe, nabaphuli mthetho abafana nalo wabulala amashumi amathathu anesine wabasebenzi mgodini eMarikana, nongusekela mongameli weli.” OkaMalema uthe, ukubanjwa kukaDalindyebo kuzowenza nzima umsebenzi weenkokeli zemveli, kuba awakwenzayo uDalindyebo kwakusukela kwizimangalo eziziswe kuye ngabahlali.

Ukanti usapho lukaDalindyebo lithe alikakulungeli ukuthetha. Isithethi sekumkani uNkosi Bhovulengwe Dalindyebo uthe, “Silinde umama wethu uNokwanda (inkosikazi kaDalindyebo) otyelele esibhedlele asazise ngemeko yakhe.”