UMalema utyelele kuQamata

Inkokeli ye-EFF uJulius Malema, utyelele ikomkhulu laseQamata kuCofimvaba apho abambe indibano neenkokeli zobukhosi babaThembu baseRhode.

UMalema ebephelekwa lisekela lakhe uFloyd Shivambu, uMbuyiseni Ndlozi noFana Mokoena.

uMalema uthe: “Siyakhahlela kwikumkani nosapho lonke lwakwaMatanzima, sibulela ngegalelo likaKumkani KD Matanzima kuMzantsi Afrika, nangona urhulumente engalihoyanga nje eli komkhulu , thina sizimisele ukubonisa intlonipho engagungqiyo kubukumkani bakwaMatazima kuba emehlweni ethu zonke iikumkani ziyalingana, ayikho edlula enye.”

“Sifuna ukuthembisa abantu bale ndawo yaseChris Hani ukuba thina , nanjengoko singumbutho ekuphela kwawo olwela inkululeko yabantu abaNtsundu ePalamente, sikhona, mabangalahli ithemba emva kokungcatshwa ziinkokheli ababezivotele ngokuzithemba okukhulu,” utshilo uMalema.

Ethetha egameni likaKumkani Dalimvula Matanzima, uNkosi Gwazinamba Matanzima ubulele le nkokheli ye-EFF ngokutyelela eli komkhulu, watsho esithi ithetha lukhulu loo nto kwikomkhulu eli.

isibhalo@inl.co.za