UMalgas wondla isizwe ngeshishini lokulima

ULibalele Situma waseQhorha oyintloko yabasebenzi kwintsimi kaSithembele Malgas eNgxakaxa eDutywa kunye nomnye wabasebenzi * -Amkelekile Dingiswayo

IMPUMELELO kwishishini lezolimo yenzeka kuphela xa unothando lwalo futhi uzimisele ukuchitheni phantse lonke ixesha lakho kufuphi nalo.

Oku kutshiwo nguSithembele Malgas olima imifuno eNgxakaxa eDutywa ngakuhola wendlela uN2 kwisiphambuka esiya eGwadana.

Isiza sikaMalgas saziwa ngohlaza, maxesha onke, nokuba kusebusika. Lo kaMalgas ulima ikhaphetshu, isipinatshi, amathanga ohlobo leButternut, cauliflower, ertyisi, nepepile phakathi kwezinye zezinto.

Ethetha nephephandaba I’solezwe uMalgas uthi uqale lo msebenzi phaya ngo1992 ethengisa amantshontsho enkuku. “Ukulima imifuno kwesi siza ndikuqale ngo1999 kwaye andizange ndijonge emva ukusukela ngoko,” utshilo uMalgas.

Uthi waboleka imali engange-R19 000 ngomnyaka ka1999 kuba efuna ukuthenga ucingo, izithole, imibhobho yokunkcenkceshela, amachiza ezityalo, izichumiso kwanokuqesha iteletele yokulima.

“Ibhanki yandinika iminyaka emine ukuhlawula le mali yayindibolekile. Uyakulicinga ke izinga le-R19 000 ngelo xesha. Kodwa ngenxa yokuzimisela kwam, ndakwazi ukuyihlawula yonke le mali ngeenyanga ezintlanu emva kokuba ndenze ingeniso encumisayo ngokuthengisa imifuno,” utshilo uMalgas.

Ngethuba I’solezwe lityelele esi siza, abasebenzi bebexakekile bambi benkcenkceshela, bambi behlakula abanye befaka ichiza lokutshitshisa isipinatshi ukwenzela ukuba kutyalwe esitsha.

UNosomeleze Tisani uthi sele ilithuba esebenza kwesi siza sikaMalgas. “Sonwabe kakhulu apha, siyasebenza emva koko sihlawulwe,” utsho uTisani.

ULibalele Situma uthi yiminyaka isixhenxe esebenza kwesi siza. Uthi le yindawo emenza ahlale exakekile.

UMalgas uthi phantse zonke iivenkile eziphambili ezithengisa ukutya eDutywa naseGcuwa zithenga kuye imifuno.

“Apha eAmathole ndikhuphisana namafama amhlophe aseQumrha kuphela, akekho omnye umntu olima ukondigqitha,” utshilo uMalgas, ongumlimi ngokoqeqesho.

Le ndedeba izidla ngokondla isizwe hayi nje isiqu sayo.

UMalgas uthi ishishini lokulima lifuna ubenesicwangciso futhi ungalenzi ngenxa yokuba ubona omnye umntu koko ngenxa yokuba unothando futhi neenjongo.