Umam’ uBiko uwongwe yiRhodes

NJENGOKUBA naye wachitha ixesha elide ekhathalela ngezempilo uluntu, umam’ uNontsikelelo “Ntsiki” Biko ulinikele kubasebenzi bezempilo abaphambili kwidabi leCovid-19, iwonga lesidanga sembeko alinikwe yiRhodes University ngoLwesithathu weveki ephelileyo.

UNontsikelelo Biko uwongwe yiRhodes University UMFANEKISO: LEON MULLER

Umam’ uBiko, inzalelwane yaseLibode kwanomhlolokazi kaSteve Biko, uwongwe ngesidanga sembeko iLLD (Doctor of Laws) leli zikomfundo. Ingqonyela yaseRhodes, uGqr. Sizwe Mabizela, uthi eli tshantliziyo liwongelwa imisebenzi yalo yokwakha uluntu kuquka nokusebenzela abahlelelekileyo kwanabangakhathalelekanga.

“Ngokumilisela iinzipho kwingqiqi yokuzidla ngokuba ngumntu ontsundu, [umam’ uBiko] udlale indima ebalulekileyo ekunikeni ithemba kwaneendlela zokuphila kuluntu ebelusebenzela. Kwiintshukumo zakhe eluntwini, uchukumise ubomi babaninzi ze wanceda abancinane nabadala ukuba baphuthume kwakhona isidima sabo, ukuzihlonipha kwanokuba nobuntu,” utshilo uMabizela.

Umam’ uBiko uphumelele iJunior Certificate yakhe eBuntingville Secondary School ze imatriki wayiphumelela eShawbury Senior Secondary School. Unoqeqesho kubumongikazi nezokubelekisa kwaneDiploma kwinzululwazi yobumongikazi ayiphumelele eUnisa, kuquka neziqinisekiso kubumongikazi kwizibhedlele iGrey (Geriatric Care and HIV/Aids Counselling) kwaneDora Nginza Hospital eGqeberha (primary health care).

Ngo1966, ngethuba ekuqeqesho, umam’ uBiko wadibana nenkokheli yeBlack Consciousness Movement, uSteve Biko, owayesenza izifundo zobugqirha kwiYunivesithi yaseNatal. Ngo1970 bazimanya ngeqhina lomtshato ze balizwa ngabantwana uNkosinathi, Samora. Umam’ uBiko ukwanayo nentombi uBulelwa Lindelwa ezelwe ngo1988.

Umam’ uBiko usebenze kwiindawo eziquka iSt.Matthews kuQoboqobo, kwizibhedlele iAll Saints eNgcobo, iGrey eQonce. Wayelilungu leGinsberg Civic Association kwanosoxanduva kwiGinsberg Education Trust.

“Kuluzuko kum ukuwongwa ngewonga eliqaphela imisebenzi yam yiRhodes University. Njengokuba ndichithe ubomi bam kwiinkonzo zokhathalelo lwempilo kawonkewonke, eli wonga ndilinikela kumawaka wabasebenzi bezempilo abaphambili edabini abakhusele ilizwe lethu kubhubhane weCovid-19,” utshilo umam’ uBiko.