UMAMA – Isikhukukazi sosapho lonke!

U-Anele Penny ongumlingisi kwimidlalo yeqonga ekunye nomama wakhe. Umfanekiso: Uthunyelwe
BASIBEKA esifubeni, basomeleze ngamazwi entuthuzelo xa sijamelene neenzingo zobomi; kodwa sakuphambuka endleleni, baye bakhawuleze ukusithundezela endaweni elungileyo.

Balila nathi ngamaxesha okulila, bahleke nathi ngamaxesha okwenza njalo…Basinqwenelela okuhle ngamaxesha onke!
Zingaphi izinto emhlabeni esinokuzifanisa nothando lukamama?
Yintoni umama? Ngubani umama? Kuthetha ntoni ukuba ngumama ingakumbi xa ungunyana wakhe?
Abanye babantu esibaziyo kumaqonga ohlukeneyo, oonyana boomama ngoomama basiphendule kule mibuzo.
MBULELO MAQHUBU [ Umsasazi kanomathotholo ] 
“Umama ngumthombo wolwazi, intsika yokuzimela nobulumko, umkhuthazi ongadinwayo, uyinto yonke.”
KWANELE MKETENI [ Umsasazi we-UCR FM ] 
”Kuthetha ukuthi ndinomntu ondithanda neziphene zam – othando lungajonganga nzuzo nolungapheliyo.”
SIXOLILE MSHWESHWE [ Igqwetha ]
“Umzekelo, iqhawekazi, ingelosi, umcebisi, umhlobo, utitshalakazi kum -oyena mntu ubalulekileyo emhlabeni.”
AFRIKA VUMAZONKE [ USomashishini ]
“Bubomi, uluthando, uyinkathalo, ulukhuseleko, uyintuthuzelo, yinto yonke!”
DEE LUKES [ Umsasazi/Umfundisi ]
“Sisikhukukazi esingenamkhethe, othando lwaso lungenakulinganiswa. Ungamandla kubantwana nakwindoda yakhe.”
THULANI MANGONA [ Imvumi ]
“Wandithwala embilinini wakhe iinyanga ezilithoba. Wandincancisa, wandikhusela, wandikhulisa. Unothando olungenamiqathango nolungatshintshiyo.”
BULELANI KASHE [ Umsasazi eMdantsane FM ]
”Likhaka lekhaya, isikhukukazi esikhusela amantshontsho waso, umama yindlezane yesizwe.”
AYABONGA KEKANA MYENI [ Itshantliziyo lamalungelo oluntu ]
“Umkhuseli nomgcini-sidima sosapho. Umntu okwaziyo ukuncama ikamva neminqweno yakhe ukuqinisekisa impumelelo yenzala yakhe. Undlovu ayisindwa ngumboko wayo. Imazi emabele abhongxileyo. Umama sisizathu sokuphila kwethu.”
LUSINDISO HOLIDAY [ Osebenza ukunceda amaxhoba odlwengulo ]
“Yintsika esisisekelo sekhaya, nelithi ikhaya lime, likhule kwaye liqaqambe ngayo.”
ANDILE MAQOMA [Olawula ezentengiso eMatrix Media ]
”Ufukama usapho lwakhe, wahlala enikeza noxa engenanto nje – uluthando!”
ANELE PENNY [ Umdlali weqonga ]
“Sisikhukukazi sam, umkhuseli wam, ububomi bam!”