Umama ngumama wabantwana bonke

UBabalwa Mtumtum onobizo lokukhathalela abangenamakhaya nabangathathintweni umfanekiso: Uthunyelwe

“Ukuba ngumama akuthethi ukuba ungumama kubantwana bakho obazalayo kuphela, koko ungumama nakwabanye abantwana abadinga uthando nenkathalelo.”

La ngamazwi wowayesakuba yiNqununu yasePutuma J.S.S. Xhorha uBabalwa Mtumtum nokungoku nje sele engumseki weBright Future Educational Academy encedisa abangakwazi ukubhala nokufunda isiXhosa, isiNgesi kwakunye neziBalo.

Ngethuba esengutitshalakazi wayethi akubona umntwana ohlelelekileyo kunabanye amthengele lo nto ayisweleyo.

UMtumtum uthi imizi ayifani babebakhona abantwana ababegqibelisa ukutya ngokuthi batye ukutya kwasesikolweni kuba emakhaya bezakufika kungekhonto.

“Ndandiye ndiqinisekise ukuba okushiyekileyo ngosuku obekuphekiwe ukutya ndiyabaphakela baphat bagoduke bakwazi ukufika batye xa bezolala kuba abanye babo babezintloko zamakhaya abo bengenabazali kungoko ndisithi xa ulibhinqa unoxanduva lokukhathalela abadinga uthando nokhathalelwa, ungajongi indlu yakho kuphela,” utshilo uMtumtum.

Ngaphandle kweBright Future, uMtumtum waye wangenelela nakwiphulo lokunceda abahlala ezitalatweni kwidolophu yaseMthatha apho ancedisana nebandla elaziwa ngokunceda abasweleyo elibizwa ngokuba “Libandla Lasemthini”.

UMtumtum, onabantwana ababini abangamantombazana, wazalelwa kuMabhehana eMqanduli nangona nje sele enomziwakhe eMthatha. Kuninzi okwenziwa nguMtumtum akajongana nanto inye njengoko esithi angatsho ukuba ilubizo kuye into yokunceda abakwimfuno.

Kule Lockdown ebeqhubekeka nephulo labo lokunceda, njengoko ebenceda namaxhegwazana aseQweqwe ngento esiwa phantsi kwempumlo.

UMtumtum ukhuthaze amanina asakhulayo esithi ukuze babezimbokodo ebomini kufuneka bazimisele kwimfundo kwenzele lowo nalowo azokwazi ukuzimela ebomini angaxhomekek’ mntwini.

“Amabhinqa mawafunde ukuzimela angaxhomekeki mntwini mhlambi sele kunyuka izinga lokuxhatshazwa kwamanina kungenxa yokuba ilizwi lawo ligqunyelelwa ngamadoda.”* Alex angelo uMtumtum.