Umama nosana lwakhe batshele etyotyombeni

ABANTU abathathu babhubhe kwiziganeko ezibini ezohlukeneyo emva kokuba amakhaya abo etshe ngumlilo.

Kwisiganeko sokuqala, umama onama35 eminyaka ubudala nosana lwakhe oluyintombazana oluneenyanga ezilishumi luzelwe babhubhele kumlilo wetyotyombe kubusuku bayizolo (uMvulo).

Esi siganeko sehle kwisitalato iElijah eWalmer.

Kuchazwa ukuba uBukelwa Klaas nomntwana wakhe uLikhaya bebelele obentlombe ngethuba kuqala lo mlilo.

“Unobangela walo mlilo awukaziwa kwaye amapolisa aseWalmer enza uphando,” kutsho uCol Priscilla Naidu wamapolisa.

Kwesinye isiganeko, malunga nentsimbi yesibhozo kusasa namhlanje (uLwesibini), amapolisa aziswe ngomlilo okumgangatho wesibini kwiflethi esePark Drive.

Kwesi siganeko kufunyenwe umzimba wowasetyhini onama65 eminyaka ubudala usekamereni.

“Okwangoku akukaziwa ukuba lo mlilo ubangelwe yintoni. Isalamane sale nkosikazi besingekaziswa,” kutsho uNaidu.

Amapolisa aseHumewood aphanda ngesi sehlo.