Umama owawelwa yindlu ucela uncedo kuRhulumente

Umbhali: Ayabonga Maja

Emva kokuba indlu yakhe iwele phezu kwakhe ngenxa yemimoya egudla ngamandla kwinyanga yoKwindla kulo nyaka, umama uNomajuba Grace Totyeka uthi waphulukana nendlu yakhe.

“Ndandizama ukuvula umnyango kwawa isitena sodaka sandibetha emlenzeni, ndalila akwabikho mntu undivayo kwade kwabalusuku olulandelayo. Ummelwane wam uye wandihlangula, waphuma nam ngomngxuma njengoko indlu yawela phezu kwam,” utshilo uTotyeka.

Lenkondekazi yakwilali yakuMbojane Mission eNgcobo kweli leMpuma Koloni engasaboniyo ngamehlo, yathi yanikwa indawu yokufihla intloko luluntu ukuba ahlale okwethutyana nangona imeko yendlu ingekho mgangathweni.

Indlu kamama uNomajuba Grace Totyeka eyadilikayo. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UTotyeka ucela urhulumente ukuba angenelele nanjengoko impilo yakhe iya isiba mandundu ngenxa yeemeko ahlala phantsi kwazo.

Lo mama sele ekhulile uthi ufuna ukuphendulwa ngenxa yeminyaka nempilo yakhe, uthi kudala esenza iinzame zokwakhelwa indlu yakhe. Nangona kunjalo, akananjongo zokuzakhela indlu nanjengoko exhomekeke kwisibonelelo sikarhulumente.

“Ndixhomekeke kwisibonelelo sikarhulumente, ndiyaziphekela, ndithenga iparafini kuba andinambane, ngamanye amaxesha ndenza umphokoqo namasi xa ndingena masi, nditya umphokoqo ngamanzi aneswekile,” utshilo uTotyeka.

Ukanti udade wabo uthi emveni kokuba enikwe indawo yokufihla intloko ebemane emndwendwela. “Emva kokudilika kwendlu wanikwa iflethi azohlala kuyo, bendimane ndifika ndimcocele,” utshilo udade wabo.

Kwilali ekufutshane nale kukho elinye inina elathi latshelwa yindlu kwiminyaka edlulileyo, nalo lisajonge enkalweni. UTotyeka ucela uncedo kurhulumente nangona esenza iinzame zokufumana indlu. “Njengomntu osemdala, ndicela urhulumente andincede – noko ndiyasokola,” utshilo uTotyeka.