Umama ubulewe kwisiganeko sodubulo

Umama, ekukholeleka ukuba usondele kwiminyaka engama-30
ubudala, udutyulwe lwangcol’ ungele kwisiganeko sodubulwano esehle eWentworth
eThekwini, kwiphondo lakwaZulu-Natal.

Abeenkonzo ezingxamisekileyo baphendule kwesi sehlo
esenzeke kwigaraji yase-Engen kumgaqo iTara eWentworth malunga necala emva
kwentsimbi yesibhozo ngokuhlwa kwangoMgqibelo, othethela abakwaRescue Care uGarrith
Jamieson utshilo.

“Ekufikeni kwethu sifike umama ethe qungqululu
phantsi. Echanwe zimbumbulu kumzimba wangasentla. Abeenkonzo ezingxamisekileyo
baye bamjonga baze bafika enamanxeba anobuzaza, kwaye bekungekho nto
bebenokuyenza waze wachazwa njengotshabele kwindawo yexhwayelo.”

Umntwana wale nkosikazi, nobesesithuthini,
ngethamsanqa akanawo nomkrwelo. 
Okwangoku, okukhokelele kolu dubulwano bekungekaziwa, kodwa amapolisa
asaphanda, kutsho uJamieson.