Umama udlwengulwe, waxhuzula, waxhaxhwa

Intombi yomama onamashumi amathandathu ananye (61) odlwengulwe de wabe uyaxhuzula, waxhaxhwa, ekuzeni kusa izolo kwindawo yakuHoya kwilali iLuqolo eCofimvaba, ithi kubuhlungu kuye ngaphakathi ngokwenzeke kumama wakhe. Okumphatha kakubi kukuba ukude kwaye umama wakhe khange abenamhlanguli xa ebehlaselwa ngabafana ababini kwakhe. Uthi ixhala kukuba iya kubangathi akakhathali le nto behlalisa umama wakhe yedwa, bangayazi abantu ukuba kudala wamcenga umama wakhe ekubeni aye eKapa apho le ntombi yakhe isebenza khona. Ixhoba lishiyeke lihlala lodwa kowalo emva kokubhujelwa ngumyeni walo kunyaka ophelileyo. Intombi ithi zange avume umama kuba waye wathi ucinga umzi wakhe awakhe nzima kwakunye nemfuyo ayizi kuba namntu xa esiya eKapa.

“Kubuhlungu kakhulu kuba nantoni ingenzeka kuye nanjengoko elwela ubom bakhe esibhedlele. Kuthwa akathethi uyaxhuzula qha, kwaye akabachazi naba bafana babini bamdlwengulileyo nemali yepeyi yakhe kuthiwa bayithathile kuba ngoLwesibini ebeyokupeya. Sendirhalela abize oku kwamagama kwaye aphile nangona nje ndingenalo ithemba nje ngenxa yenxeba elikhulu ekuthwa lisentloko,” itshilo intombi.

Umama othethe nephephandaba I’solezwe lesiXhosa nobekwi-ambulensi kwindlela esa ixhoba esibhedlele, ebesithi akakwazi nokuthetha umkhuluwakazi wakhe, into ayenzayo kukuxhuzula nacinga ukuba ubangelwa leli nxebakazi likhulu lisentloko. Watsho esithi ezi ndaba bazifumene phambi kwentsimbi yesixhenxe ngomakhelwane wexhoba esithi u”Mabani” ufika ephethe iimpahla zakhe zangaphantsi egxiza igazi entloko nangasezantsi, echaza ukuba udlwengulwe ngabafana ababini bathatha nemali yakhe. Lo mama wosapho uthi bawabizile amapolisa nangona nje bemke ukuya esibhedlele engekafiki ekhayeni. Lo mama okwangoku usalwela ubom bakhe kwisibhedlele saseCofimvaba. Intombi yomama ikhululwe emsebenzini wayo oseKapa eNtshona Koloni ekubeni izokukroba umama wayo.