Umama, unyana nomoya oyingcwele eMonti!

Imvumi yomculo wokholo uLusanda Mcinga kudliwanondlebe neIsolezwe eMonti

ABATHANDI bomculo wokholo, ingakumbi eMpuma Koloni, bazi kakuhle ukuba xa kuthethwa ngomama, unyana nengoma, kuxa kuthethwa ngoLusanda Mcinga nonyana wakhe wamazibulo uBetusile Mcinga.

Esi sibini, esingabelani nje kuphela ngegazi lemfuzo, sizakube sisabelana ngeqonga lomculo kwiiveki ezimbini ezizayo.

ULusanda uphehlelela icwecwe lakhe elitsha kraca elithi Mabaphil’ abantu ngelixa yena uBetusile esiza necwecwe elithi Highest Praise.

Le ngxikela izakube ibanjelwe eOrient Theatre ngeCawa umhla we3 kweyeSilimela / Juni 2018 emin’ emaqanda.

I’solezwe lincokole noLusanda, osele ekhuphe intaphane yamacwecwe kususela ukuqala kwakhe ukucula eminyaka elishumi ngo1974, esebenzisa isiginci.

ULusanda ukhumbula utata wakhe owayengayamkeli into yokuba intombi yakhe ibetha isiginci, icule namakhwenkwe eelali zakuGatyana, idolophu awazalelwa kuyo.

“Ungayihleka ulale, utata wayengafuni nokuva esithi akazange ayive intombi ebetha isiginci, esithi ukuba ndiyathwasa mandiye emagqirheni,” kubalisa uLusanda, esithi “ndade ndasiwa apho emagqirheni ndiyokuthwasiswa.”

ULusanda uthi noxa kwakunzima ukusweleka kukayise kodwa kwamnceda kwelinye icala.

“Watsho umama walandela le nto ndiyifunayo. Wathi akusweleka utata ngonyaka ka1980, watsho umama wandithengela iCD,” kuncokola uLusanda.

Uthi noxa nje ekulandeleni ikhondo lomculo kubemnandi kuye, kodwa neenzingo bezikhona. Ubalula ukusweleka kwamalungu eLusanda Spiritual Group, ukubanjwa kwakhe kwanokubethwa kwakhe ngethuba esilwa nokubiwa komculo wakhe ( piracy ) njengemiqobo ebimtyhafisa ngamanye amaxesha.

“Kubabuhlungu kona xa sivavanywa, kodwa siyazi njengamakholwa kufanele kubenjalo xa uthanda uThixo,” utshilo.

ULusanda sele ephumelele iwonga leSAMA neleCrown Gospel, kwaye uthi angathanda ukukhunjulwa ngesingqi sakhe sobuzwe ( traditional gospel ).

Emva kwethuba elide engakhuphi cwecwe, uLusanda uphathela abantu isingqi sakhe kwakhona kwicwecwe elitsha asebenze kulo nooBetusile, Butho Vuthela nabanye. Uthi abantu baseMonti banikwa ithuba lokusikelela icwecwe lakhe nelikaBetusile.

Iimvumi ezifana noSenzo Khumalo, Sipho Ngwenya, Yolanda noButho Vuthela, Xolisa Kwinana noAnele Sabani bazakube betsholoza apho.

Amatikiti afumaneka eSilulo Ulutho Technologies oseSouthernwood, eOxford naseMdantsane Mall ngeR100.

SIPHISA NGAMATIKITI!

Ukuba unqwenela ukubayinxalenye kaLusanda noBetusile eOrient Theatre ngomhla we3 kweyeSilimela, thumela umyalezo othi “Lusanda& Betusile” kwi-Inbox yethu kuFacebook: Ilisolezwe nakuTwitter: @ ilisolezwe uzibeke ethubeni lokuphumelela itikiti kwalishumi esiphisa ngawo!