UMamani intombi kaSontlo eyazekelwa umfazi

Imvumi yaseBhayi uMnu. Mike Ngxokolo uthi xa ebalisa kwenye yeengoma zakhe, “Zonk’izizwe zasehlabathini zinamasiko azo, amanye ayamangalisa amanye ayoyikeka, zonke ziyazingca ngamasiko azo, izizwe zomhlaba.”

Xa kulapha makhe sithi gqaba-gqaba ngentombi eyazekelwa intombi yokwakha umlibo nomnombo wesizwe esiphilayo nesinengqiqo, amaMpondomise.

UMamani, le ntombazana yabuthabathela kuyo ubukhosi bamaMpondomise akubhubha uSontlo. Yayingenamnakwayo endlunkulu. Esaphethe njalo uKumkani wamaMpondo uNyawuza wathi wamendisela intombi yakhe egama linguNtsibatha.

UMamani wayizeka le ntombi wathi mayambathwe nguSontlo, waza ke nobukhosi wasele ebukhululela kuSontlo. UNtsibatha, uMaNyawuza, wazala uMngcambe noVelelo. Obu bukhosi bubini basemaMpondomiseni buvela kwezi nkosi zimbini zisisizukulwa sentombi uMamani ngomfazi wakhe uMaNyawuza ogama lakowabo linguNtsibatha.

Ngowe1962 uNkosi Isaac Vulindlela Matiwane wesizwe samaMpondomise wakhupha inqaku k’Umthunywa’ elithi, “Intombi Eyendiselwa Kwenye” elalibalisa ngeNkosazana yesizwe samaMpondomise egama linguMamani intombi enkulu kaNkosi Phahlo eyendiselwa intombi egama linguMaNyawuza.

Inkosi le yesizwe samaMpondomise yabalisa yathi ngale nto ingaqhelekanga yokuzekwa kwentombi yesizwe esinobukhosi yenye intombi yesizwe esikwanobukhosi: “Unyana kaNgwanya nguPhahlo othe yena wafuduka waya kuma eMzintlava waza wazeka intombi yasemaXesibeni egama linguHatu, wazeka ke nabanye kunjalo nje ewolile waziwanqa izithembu zamzalela; umfazi omkhulu waye akazala mntwana uyinkwenkwe, wazala intombazana egama linguMamani kuqala, kwelekela ezinye iintombi ezimbini; uThandeka owendela kwinkosi yakwaGcaleka egama linguPhalo yazala uKhawuta. Enye intombi nguKhulu yendela kuThahle inkosi yamaMpondo. UPhahlo akabusanga kuyaphi wabhubha. Izindlu zikaPhahlo bezimi ngolu hlobo ukubhubha kwakhe: ebhotwe akubangakho nyana yayintombi uMamani; eqadini unyana nguNgwaqa elinye, uNgwayi; ize kwiSigenu unyana ibe nguSontlo. Le ndlu kuthiwa yeyeSigenu ibizwa ngalimbi ngokuthi yeyaseThuthwini, indlu encinci yenkosi.

Njengoko kungazalwanga eBhotwe kubonakele ukuba ubukhosi mabuwele eqadini kodwa ke wayesele ebhubhile unyana omkhulu waseqadini uNgwaqa, ngunyana wakhe uSixuba okhoyo. Yasesezolo emaMpondomiseni, kuza kuthiwani inkosi ilimele nje? Kuba ibandla lisuke lamnyemba uSixuba ngesihlava sokuthi usisibhejane, licetshwana nje, nyakana amathole asebukhosini, namaMpondomise angahlekwa zizizwe ngesi sinyanzelana somelele kangaka kodwa singunobekibinza esiswele nesithunzi esi.

Hayi waliwa kwaphela, kwabonakala ukuba makudlulelwe kweyoMdaka kuBingwa. Yena ke uhletywe sisimo sakhe sekratshi, ukuqongqothisa, nolungqu-magongoma ndifihle, hlungul’uphetheni ngomlomo.

Kwabaluleka kuye ukuvimba okugqithileyo, kusithiwa ngabantu sisihuhu, engatyholwa, engayazi into edliwayo ukuba iyadliwa ngomnye umntu. Wayede walisa nodade wabo uMamani inkosazana siqu ngesimo sokungabusisi mntu, walibala ukuba intombazana imelwe kukuba itefele umnakwayo xa ifuna ukutefa. Asuka amaMpondomise amshwabulela ethetha iqhalo lawo elisetyenziswa kubantu abanjalo elithi: “Akunani makadle kobola.”

Waba ke unqunyulelwa egoqweni uMbingwa ngenxa yesimo sakhe esingathandwayo ngamaMpondomise. Kungeli xesha ke ekuthe kwagaleleka uduli luphuma kuNyawuza emaMpondweni lusizisa intombi luyizise kwenye enguMamani kuba engowaseBhotwe.

AmaMpondomise ayezekis’imifino nje esazi ukuba yintombazana uMamani, koko ayebanga ixhanti, namantla, nenkundla. Yamkelwa le ntombi zabethwa iinkomo zekhazi kwaqala ukuba kubekwe unyana wenkosi omakabe nguMamani ozeke le ntombi; waphumelela apho uSontlo, kwaveliswa into yokuba usoloko waba nesandla nakuMamani nakutatomkhulu uNgwanya. Wathi kanti yena udla esulela. Waphumelela apho ke uSontlo waba yindoda kaManyawuza.”

Umlibo kaManyawuza (umfazi kaMamani) noSontlo indoda yasebukhosini bamaMpondomise eyayalathelwe ukuba yambathe uMaNyawuza ivuse isende likaPhahlo, njengoko uMamani wayekwalelinye ibhinqa engenako ukumithisa uMaNyawuza, uhamba ngolu hlobo xa siwususa ezantsi ukusuka eDedesi:

“USibiside uzala uMpondomise noMpondo; kwicala likaMpondomise yena uzele uNdunu, uNdunu uzala uSkhomo, uSkhomo uzala uNjanye, uNjanye uzala uMalangana, uMalangana uzala uNtose, uNtose uzala uNgcwina, uNgcwina uzala uCirha, uCirha uzala uSabe, uSabe uzala uMthe, uMthe uzala uQengeba, uQengeba uzala uMajola, uMajola uzala uNgwanya, uNgwanya uzala uPhahlo, uPhahlo uzala intombazana uMamani, noSontlo nokwabizwa ngokuba nguHlontso. UMamani noSontlo bohlukene ngezindlu zesithembu. USontlo uzala uMngcambi kwindlu enkulu aze ekunene azale uMgabiso.

Xa silandela indlu enkulu kaMngcambi yena uzele uMyeki; uMyeki uzala uMatiwane; uMatiwane uzala uMhlontlo; uMhlontlo uzele uTshalisi; uTshalisi uzele uSigidi, Masikizi.

Kwicala likaMgabiso, uzele uVelelo ozele uDiko yena uzele uMditshwa; uMditshwa uzele uTshazi; uTshazi uzele uLutshoto; uLutshoto uzele uDilizintaba. Umninawe kaDiko ozalwa nguSontlo nguMandela.”

Xa siphawula apha kulo mlandu wamaMpondomise siyamfumana uNkosazana Mamali phakathi koluhlu lwamadoda awakhe alawula isizwe samaMpondomise, azeka nabafazi.

Kwimbali yezizwe zakwaNtu kulapha kuMamani apho sifumana intombi enikezelwa ilifa lobukhosi bukayise, ize ide ibe izekelwa nomfazi oza kuzala inkulu nendlalifa yobukhosi besizwe esikhulu, nesizwe esilumkileyo. UMamani kwakufungwa yena sisiMpondomise sonke phambi kokuba kuvele uNozici. Kwakusithiwa, “Ndifung’uMamani.”

Kwizizwe ezininzi zakwaNtu eziseMzantsi Afrika abantu abakhe banikwa ubukhosi phambi kokufika komLungu ngabafazi abendileyo. KukwaZulu apho isizwe sakhe sanikwa intombazana uMkabayi.