UMandela uyaleza uMfundisi ngamaphupha

UMfundisi uVuyisile Richard Nombombo umfanekiso: Bheki Radebe

UMfundisi Vuyisile Richard Nombombo uthi wadibana noNelson Mandela eNamibia ngo1990 wambamba ngesandla bahlala bobabini, kanti elo liqalo lothotho lwamaphupha anemiyalezo equlathe ikamva loMzantsi Afrika.

UNombombo, we-Evangelical Methodist Church of South Africa eMonti, uthi kudala esehla esenyuka ezama ukudibana neenkokheli zeANC malunga nala maphupha kodwa nkqi ukwenzeka kwalo nto.

“Lo mbandela wam uqala ngo1990, ndingekabi nguye uMfundisi. Ndandihlala eMdantsane, ndacelwa ngabefundisi ukuba ndibakhaphe besiya eNamibia kumsitho kazimelegeqe (independence) kweyoKwindla ngalo nyaka ka1990.

Sasisiya kumsitho owawungqamene nokubekwa kukaSam Nujoma njengoMongameli wela lizwe.

“Emva kokuba ndibaqhubele imoto abefundisi, sabe kanti siya ebaleni lokubekwa kukaNujoma njengoMongameli. Ndandingafuni ukuya kuba ndandiziva ndidiniwe, futhi ndiqonda ukuba iza kuba ndim kwakhona oza kuphinda aqhube xa sibuyel’ ekhaya. Kodwa abefundisi bandicenga ndade ndaya ke ebaleni,” kutsho uNombombo.

UNombombo uthi ebaleni bafika bahlala kwindawo yabantu ababalulekileyo (VIP).

“Ndandineentloni kuba ndandinganxibanga nakakuhle. Ndasuka apha kubo ndayokuhlala phezulu, ngakumda owahlula iiVIP kwakunye neenkokheli zehlabathi. Ngoku ndihleliyo kwakumane kufika iinkokheli, iyiloo ntswahla ebaleni. Kwafika uNujoma kwahlokoma ibala. Yheyi kwathi xa kufika utata uNelson Mandela nowakwakhe umam’ uWinnie, ndeva ibala lishukuma lonke.

“UMandela wonyuka wazokuhlala apha ngakum, akaya kula ndawo yeenkokheli zehlabathi. Weza ngqo kum, wabulisa. Ndandothukile ndime ngenyawo, wandibuza ukuba kutheni ndingambuzi mpilo nje. Wandibuza isiduko nokuba ndingubani, ndamxelela,” kutsho uNombombo.

Emva kokuba bebulisene uNombombo uthi uMandela wathi mabahlale phantsi bamamele izithethi.

“Ndandothuke kakhulu kunzima nokumamela kakuhle. Emva kwentetho kaNujoma, kwabizwa iinkokheli zehlabathi ukuba zizokuxhawula uMongameli Nujoma, njengoMongameli omtsha weNamibia ekhululekileyo. Waphakama utat’ uMandela, kodwa into eyandothusayo kukuba wathi ufuna ukuhamba nam. “Ndamxelela ukuba ndihamba neebhishophu ezinkulu, kodwa wandixelela ukuba ufuna ukuhamba nam. Sahamba saya kuMongameli safika saxhawula. Andizazi nokuba ndafika ndathini kuNujoma.”

Emva kwaloo mothuko wokuhlala noMandela nokuxhawula uNujoma, uNombombo uthi abefundisi babeqhula ngaye bambi, abo baseNamibia, bembuza ukuba ungubani kanye kanye.

UNombombo uthi emva kweminyaka engamashumi amabini anesibini, ngo2012, elele kwakhe waphupha uMandela elele kwibhedi yasesibhedlele ehleli noThabo Mbeki kwakunye noJacob Zuma.

“Xa ndingenayo nje uMandela wathi kum ‘bulisa abanye oomongameli’. Hayi ke ndabulisa. Emva koko wathi mandize kuye endiyalela ukuba mandithathe ioli ndimrabhe iinyawo. Ndenza njalo nam, emva koko wathi mandize neoli kuye, wayithatha wagalela kuye wandirabha izandla, wabe sele enditsala amalungu eminwe ewakrunqula. Xa egqibile wandirabha entloko. Ukugqiba kwakhe wayalela uMbeki noZuma bakhe baphume phandle, esithi ufuna ukuthetha nam.

“Kum wathi kufuneka ndibesecaleni kukaZuma, ndimcebise ukuze ndithathe endaweni yakhe. Wathi kuza into embi eMzantsi Afrika kwaye kukho abantu kwiANC abamcebisa ngendlela engeyiyo uZuma. Wathi xa ndinokungena endaweni kaZuma kungangcono eMzantsi Afrika,” utshilo uNombombo.

UNombombo uthi wakhe wahlala neli phupha, kodwa wothuswa xa unkosikazi wakhe emva kweenyanga ezimbini esithi uphuphe ixhego elineenwele ezimhlophe elinomsindo lisithi uNombombo wala ukuthunywa.

Emva koku, uNombombo uthi waya kwabanye abefundisi wabaxelela malunga noku.

“UMfundis’ uJezile wathi kum masiye eCalata House eQonce kwiANC. Saya kunobhala wephondo ngelo xesha, uOscar Mabuyane. Safika engekho kodwa sashiya iinkcukacha zethu. Wasifowunela uOscar wasinika usuku emasiye ngalo kuye. Saya nyhani ngolo suku, ndafika ndambalisela. UMabuyane wathi kum akadlulisi maphupha, futhi le nto ndiyithethayo kunganzima ukukholelwa kwalo nto. UMabuyane wasinika iinkcukacha zeANC kuzwelonke kwanakwiZakhiwo zoMdibaniso ePitoli.”

Iinzame zikaNombombo zokubona uZuma zawa phantsi, kwankqu nangethuba wayeseNkandla, KwaZulu Natal.

Ngonyaka ka2013, phambi kokuba abhubhe uMandela, wacela uNombombo ngephupha ukuba azokumthandazela eRhawutini. Nakweli ityeli uNombombo waya eRhawutini kwindlu kaMandela kodwa nkqi ukukwazi ukudibana noMandela. UMandela wabhubha kweyoMnga 2013.

UNombombo uthi kwiinyanga ezine ezidlulileyo uphinde waphupha uMandela. “Wathi kum ‘nyana ndidiniwe ngabantu beANC’. Uthi iANC igcwele amasela. Ngoku athetha le nto ebehamba notat’ uOR Tambo. Uthe kum mandiseke umbutho wezopolitiko sele ewusikelele.”

Emva kweli phupha uNombombo uthi wacinga ngegama lalo mbutho, bawuthiya ngeAfrican Democratic Front, kodwa waphinda waphupha uMandela eliphikisa eli gama. “Utat’ uMandela uthe kum ‘nyana ndilivile igama kodwa alizulunga, mayibe yiAfrican Democratic Congress’.”

UNombombo uthi uphantsi kwalo malungiselelo okuseka le ADC.