Umane emthengela iimpahla notywala kanti uyamloba

Obezenza itshomi esondeleyo yosapho oluthile lwaseBhayi uAmor Greunen (51) ugwetywe izihlandlo ezibini zobom engaphakathi ejele emva kokufunyanwa yinkundla yengingqi yaseBhayi enetyala lokumane ezithathela ngolunya kwintwazana eneshumi elinesihlanu ubudala.

Ngokwengxelo ephuma kwiGunyabantu lezoTshutshiso ithi ixhoba lihlala nomama walo kwakunye nobhuti walo kwikhaya labo.

UGreunen kwakunye nonkosikazi wakhe bebemane betyelela ikhaya lexhoba njengoko bebengabantu ababonelela abo bangathathi ntweni kwaye besaziwa ngokunceda abantu ekuhlaleni.

Usapho lwexhoba ibingabanye ebebephantsi kweliso likaGreunen, nekulapho le ndoda iye yabona khona ithuba lokuxhaphaza le ntwazana.

UGreunen nonkosikazi wakhe bebemane belithatha ixhoba liyokuchitha impelaveki emzini walo kwaye nexhoba liluthembile olu sapho kuba ixhoba lade lakhupha imbilini kulo lusithi lukhule luxhatshazwa ngumalume walo elidlwengula.

Ingxelo ithi ngempelaveki ethile ngo2018 uGreunen wayokulanda ixhoba kowalo njengoko liqhele ukuchitha impelaveki kanti kweli ityeli unkosikazi kaGreunen akakho useOudtshoorn. UGreunen walithengela iimpahla ezintle njengesiqhelo akugqiba walithengela utywala esithi akafuni ukuba asele ngaphandle neetshomi kuba akukhuselekanga kanti emva koko uza kulidlwengula yonke la mpelaveki.

Ixhoba labhalela utitshala walo umyalezo kuWhatsApp lichaza ngokwenzeke kulo, wafika walithatha bayokuvula ityala kwisikhululo saseAlgoa Park, umrhanelwa wabanjwa kwangoko emzini wakhe.

Obambele njengoMlawuli kwiNPA eBhayi uLivingstone Sakata uthe iNPA iyasamkela esi sigwebo siqatha siwiswe kokaGreunen. “Esi sigwebo sibonisa ukuba inkundla ayidlaleli ngakumatyala okuxhatshazwa kwabantwana. Sikwancoma nomsebenzi wabatshutshisi nabecuphi betyala,” utshilo uSakata.