Umanejala ucinge abasebenzi emva kokufumana iwonga

UMphathiswa uSakhumzi Somyo ekunye nogxa wakhe kwicandelo loomasipala uFikile Xasa, ekunene, kwakunye namagosa omasipala iLundini. UMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

UMANEJALA weenkonzo zoluntu kumasipala iLundini uLuther Kokose uthe akuva ukuba ngulo masipala ogqwesileyo kumawonga ephondo okuqaphela amaqumrhu okhathalelo-ndala kwanohlwayelo-hlaza, wabhalela umyalezo abasebenzi bakhe.

 

ILundini, engumasipala odibanisa iMaclear, Ugie neMount Fletcher, ifumene elona wonga liphezulu kumsitho obubanjelwe eHemmingways eMonti ngokuhlwa kwangoLwesine.

 

“Ibikokoqala singenela kula mawonga, ngoko ke besingayilindelanga le mpumelelo. Kodwa asothukanga kuba mninzi kakhulu umsebenzi esiwenzileyo.

 

“Xa ungena eMaclear, ugangwa ngamahlathi anohlaza. Yiyo le nto ndingathi inkqubo zohlwayelo-hlaza yinto esiyiphilayo. Kwiminyaka emihlanu edlulileyo, saqulunqa isicwangciso phantsi kwesihloko esithi eLundini Goes Green [iLundini ihlwayel’ uhlaza],” utshilo uKokose.

 

Ngokuphumelela elona wonga liphezulu ephondweni, iLundini ifumene isiqingatha sesigidi serandi (R500 000) kwaye izakumela iMpuma Koloni kumawonga kazwelonke, akumila kunje.

 

“Ndithe ndakuva ukuba siphumelele, ndabhala umyalezo wefowuni ndiwusa kubasebenzi bethu abacoca iLundini. Ndikwenza oku kuba ndikholelwa ukuba liwonga labo eli, ngabo abacoca iLundini,” utshilo uKokose.

 

Indawo yesibini kula mawonga ifunyenwe ngumasipala iKing Sabata Dalindyebo ofumene iR300 000, logama umasipala waseLady Frere eMalahleni ubekwindawo yesithathu wafumana iR200 000. Yonke le mali iphunyelelwe ngaba masipala izakusetyenziswa ekuphuhliseni ukwenziwa ukwandisa iphulo lokwenza luhlaza, nokukhathalelwa kwendalo.

 

La mawonga ebesingathwe  lisebe lophuhliso loqoqosho, imicimbi yezendalo kwakunye nezokhenketho eMpuma Koloni. 

Umphathiswa weli sebe uSakhumzi Somyo uthi bambalwa abantu abakhe baziphe ithuba lokucinga ngokubaluleka kwendalo kubomi bethu. “Masikhathalele indalo yethu ukuze nayo ikwazi ukusikhathalela,” utshilo uSomyo.