UMangala uzoba imbali yaseMbizana

Emva kokuphumelela ibanga leshumi uAbongile Mangala waseMbizana wazimanya nosasazo nalapho aye wazenzela udumo kwisikhululo sosasazo sasekuhlaleni eFlagstaff, Inkonjane FM negxile kusasazo lolwimi lwengingqi olusetyenziswa kummandla wamaMpondo.

UMangala wazimanya nesi sikhululo ngomnyaka ka-2012 ukuya ku-2013 ebhexesha inkqubo yasemva kwemini iAfternoon Drive. Kwanga- loo nyaka uye wazimanya neAlfred Nzo FM nesisikhululo sasekuhlaleni esizinze kwidolophu iMount Ayliff nesisasaza ngeelwimi ezohlukeneyo kuquka isiXhosa nesiSuthu.

Kungoku nje sele evakala kwisikhululo seSABC sikazwelonke uKhozi FM, Kwa-Zulu Natal kwinkqubo yakusasa iBreakfast Show ngemizuzu elishumi emva kwentsimbi yesixhenxe njengomntu okhuthazayo (Motivational speaker).

Ungene kwesi sikhululo emva kwempumelelo yakhe kwii-Auditions ngomnyaka ka-2013. Uthi eyona nto ayijongileyo kukutshintsha iimpilo zabantu, kwaye nokukhula kwisakhono sakhe sokukhuthaz’ abantu.

“Abantu abandenze ndanomndla ndakhuthala emsebenzini wam ngabantu abafana noMfundisi uSithembiso Zondo, Linda Sibiya kunye noVusi Thembekwayo” kutsho uAbongile.

Ngoku ukhuphe icwecwe lakhe lokuqala leMotivation, nebesele linjongwe ngamehlo abomvu luluntu loMzantsi Afrika ngokubanzi.

Uzeka mzekweni kumaqhawe aseBhizana enze imbali ngale dolophu ngokuvakala kwakhe koonomathotholo, nakumabonakude kwaye sel’ egudlana imihlana neemvumi zeli ezikwinqanaba eliphezulu, kwaye sele enyathele nakwimisitho emikhulu yeli ukuzokukhuthaza ulutsha.

Wenza umahluko kuluntu lweelali ezingqonge iBizana ingakumbi kulutsha olusezikolweni njengoba etyelela izikolo ukuyokhuthaza abantwana, oku ekwenza ngokuzinikela engajonganga nzuzo.

Ukanti ekuhlaleni kubanjwa qho iAbongile Mangala Soccer Tournament ngenyanga yoMnga kumabala ezemidlalo eLuphilisweni, kanti kwinyanga yolutsha ngomhla wesine kweyeSilimela ebedibanis’ amaqel’ asekuhlaleni ngebhola ekhatywayo.

Amaqela ebedibene kwibala lezemidlalo eBizana, eMphetshw’ phantsi kwendeb’ ebizwa ngokuba yiAbongilie Top 8.

UAbongile Mangala uyaqhubeka nokubhala imbali ngephondo leMpuma koloni nkqu nedolophu iBizana njengoba sele kumbomvu aphothule amalungiselelo omdliva womnyhadala ozakubanjelwa kumabala ezemidlalo iMafumba stadium eBhizana kwinyanga yeKhala phantsi kosuku iAbongile Mangala Youth Celebration. Kobe kungqungqa iimvumi zeli eziphambili kumculo wokholo, osoMahlaya, ooDJ kunye neeMbongi.

Uthi eyona njongo yakhe kukubona wonke umntu ephila impilo engcono engafani nesimo akhulele phantsi kwaso ekhayeni lakhe, kwaye uthi imbali ngobomi bakhe nangokukhula kwakhe okwangoku akakathandi ukuyiveza kwabeendaba, kodwa kumacwecwe akhe liyeza elizoqulatha imbali yakhe.