UMani ukhule engabazi ubunewunewu, imali yamothusa!

USibongile Mani ugwetshwe iminyaka emihlanu ethothoza etrongweni. Umfanekiso ngu: BHEKI RADEBE
USibongile Mani ugwetshwe iminyaka emihlanu ethothoza etrongweni. Umfanekiso ngu: BHEKI RADEBE
USibongile Mani ugwetywe iminyaka emihlanu ethothoza entolongweni. Umfanekiso : BHEKI RADEBE

Ugwetywe iminyaka emihlanu ethothoza eluvalelweni umfundi weYunivesithi iWalter Sisulu, uSibongile Mani, nowacinga ukuba uwelwe ngumqa esandleni xa wayefumana imali ebalelwa kwiR14 million kwiakhawunti yakhe.

UMantyi obechophele eli tyala, uTwanette Olivier, uthe isigwebo esixhonyiweyo asimfanelanga uMani, kwaye nesigwebo phantsi kwenkqubo yoluleko engaphandle ejele asimfanelanga.

“Isigwebo esikufaneleyo ngokwale nkundla sesokuba uchithe ixesha eluvalelweni. Ngoko ke ndikugweba iminyaka emihlanu useluvalelweni,” utshilo uOlivier.

Ukwathe inkundla iya kulibonakalisa uvelwano ngakuMani ngokuthi abe uvumelekile ukubekwa phantsi kwenkqubo yoluleko emva kokuchitha unyaka onesiqingatha eluvalelweni.

Emva kwezi ndaba ngaphakathi enkundleni uqale wazibonakalisa eqinile phambi koluntu, babe abafundi kwanoogxa bakhe beyinyama kukudana.

Bathi bebecinga isigwebo sakunqunyanyiswa njengoko igqwetha lakhe ngoLwesibini ngethuba kuqhuba inkundla belicele ukuba eli tyala lijongwe nkalo zonke, linqunyanyiswe. Kodwa emva kwemizuzwana uphinde wabonakalisa ukunxunguphala naye uMani.

UMani uzalelwe kwiilali zakuKomani kweli phondo. Ungowokuqala kumama wakhe kubantwana abathathu, kwaye naye ungumama kubantwana bakhe ababini, owokuqala une-13 leminyaka ubudala, owesibini unesi-8 seminyaka ubudala.

UMani ukhuliswe ngumakhulu wakhe ongumama kamama wakhe, kwaye ingenguyanga yedwa okhuliswa ngumakhulu, yayinguye nabazala bakhe emva kokuba umama wakhe wathi wohlukana notata wakhe eseneminyaka emithandathu kuphela.

Ukhule kutsalwa nzima kokwabo, kungekho mntu uphangelayo kuxhonyekekwe kumakhulu wabo.

Emva kokuphumelela kwakhe uGrade 12 ukhe wahlala phantsi unyaka njengoko bekungekho mali yokuya eYunivesithi. UMani ukhule engenabo ncam ubudlelwane nomama wakhe, oyena mntu anobudlelwane obuluqilima naye ngumakhulu wakhe, oku kudizwe ligqwetha lakhe ngoLwesibini ngethuba ezama ukumcengela ukuba sinqunyanyiswe isigwebo sikaMali.

UAsanda Pakade nobe ligqwetha likaMani, enkundleni uthe uMani ebeqala ukubona imali engakaya ebomini bakhe kuba kaloku ukhule esokola, kungoko waye waba nomdla kuyo xa eyibona wothuka.

UMani ukhule ubunewunewu engabazi kwaye ngethuba egaxeleka kule ngxaki ngo2017 ebesele eneminyaka engama26.

NgoLwesithathu uchithe usuku lwakhe entolongweni okokuqala. Abantwana bakhe ababini kwakunye nomakhulu wakhe baseGeorge kumama kaMani. Umakhulu kuthwa uhlutshwa yimpilo oko kwaqala eli tyala.

Emva konyaka onesiqingatha angangaphandle uMani.