UMantashe uthi kukho ubuqhophololo phakathi kweTegeta noEskom

Unobhala weANC uGwede Mantashe ethetha eNgqushwa. Umfanekiso ngu: Siyanda Jantjies

“NDINENGXAKI xa ndibona inkampani karhulumente enguEskom inikeza ushishino kusapho lakwaGupta, kuba aba abantu abazalelwanga kweli lizwe.”

Ubutyebi baseMzantsi Afrika mabuxhanyulwe ngabantu abamnyama beli lizwe, hayi usapho lakwaGupta.

Oku kuthethwe ngunobhala weANC kuzwelonke uGwede Mantashe eNgqushwa ngoLwesihlanu ngethuba esenza intetho ethe qabavu ngobomi bowayesakuba nguMongameli weANC uOliver Reginald Tambo.

UMantashe uthe: “Xa ufunda le ngxelo yoMkhuseli woLuntu (Thuli Madonsela) malunga nonaniselwano phakathi kukaEskom neTegeta, uvele unukiselwe bubuqhophololo.”

“Uyabona uhambo lukaMphathiswa uMosebenzi Zwane (uMphathiswa wezimbiwa) esiya eSwitzerland, eyokubamba iingxoxo ngelithi makunikwe iTegeta umsebenzi wokomba ilahle, lo nto bubuqhophololo. Akukho kwamntu umnyama oselulalweni kule Tegeta ngaphandle kosapho lakwaGupta,” utshilo uMantashe.

“Kufuneka ibeyiANC etshoyo ethi kukho ubuqhophololo kola naniselwano phakathi kweTegeta neEskom,” utsho uMantashe.

UMantashe uthi “kukho ingxaki” xa usapho lakwaGupta lusebenzisana nabantu abathile ukudlakathelisa iANC nombuso. Ukwathe “yingxaki enkulu” ukubona amaziko esizwe afana neNPA (iGunya-Bantu lezoTshutshiso) esetyenziswa ukulwa amadabi ezopolitiko.

Oku ukuthetha emva kokuba iNPA ibikhe yabhengeza ukuba uzakubekwa ityala uMphathiswa wezimali uPravin Gordhan, kodwa kamva yaphinda yakurhoxisa oko isithi ayiboni ingahambela ndawo le nyewe xa ikwiinkundla zomthetho.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za