UMantashe uthi ubutyebi busemhlabeni

Unobhala jikelele wombutho olawulayo uGwede Mantashe uthi, abantu basezilalini bashiya ubutyebi bomhlaba wabo ezilalini besiza ezidolophini, nto leyo engunobangela wokungakhathaleki komhlaba.

UMantashe ebethetha ebusuku kwiziko i-ICC eMonti ngethuba isebe lokubuyiselwa komhlaba kuluntu lwasemaphandleni belinengxoxo-mpikiswano kwakunye neenkosi, kuthethwa ngomgaqo-nkqubo womhlaba wasezilalini (communal land policy).

Le ngxoxo ibizinyaswe ngumphathiswa wesebe lezomhlaba kuzwelonke uGugile Nkwinti, ikumkani yamaXhosa jikelele uZwelonke Sigcawu, iNkulumbuso yephondo uPhumulo Masualle, umphathiswa Mlibo Qoboshiyane, uNkosi uNgangomhlaba Matanzima, uKumkanikazi uNoloyiso Sandile wamaRharhabe, usomashishini uGloria Serobe kwakunye neenkosi zeli phondo leMpuma Koloni.

UMantashe uthe: “Mayingabiyonto yokuqhayisa umhlaba mawusetyenziswe kutyalwe kubeneemveliso eziphuma ephondweni kumhlaba wethu, masingabangi umhlaba sibe singawusebenzisi. Makungabikho luphazamiseko, umhlaba asingoweenkosi, ayingokarhulumente ngowabantu bonke, asifuni kuyiva into ethi inkosi ayivumanga ngomhlaba iyala.”

“Ipesenti yabantu yonyukile ezidolophini lo gama yehlile ezilalini, abantu bayemka bashiye imihlaba. Kweli phondo kuninzi esinako. Ukumkani uNoloyiso uthi, umcimbi womhlaba ngumcimbi obuthathaka. Uthi ibalulekile le nkomfa kuba ukubuyiselwa komhlaba eluntwini kukubuyiselwa kwesidima eluntwini oko.

Ukanti uNkosi uNgangomhlaba Matanzima ubongoze iinkosi esithi mazibakhathalele abantu kuba ngababo, ingakumbi xa kuthethwa ngemiba yomhlaba.

“Ubukhosi bobabantu sithi thina ziinkosi ekufanele ukuba ziye ebantwini apho bahleli khona sive ukuba bafuna ntoni, itsho inkosi imele ezo mfuno zabantu kwaye ilungise ezo zikhalo zabo. Inkosi yinkosi ngabantu, makungaliwa ngomhlabaa koko mawusetyenziswe. Xa uphethe into yabantu sukuyenza eyakho kuba ungumthunywa omele abantu,” kutsho uNgangomhlaba.

Umphathiswa uGugile uthe: “Awona maphondo sele eqhubele phambili kubuyiselo lwemihlaba leli leMpuma Koloni kwakunye nelaKwaZulu-Natal.”

USerobe uthi abantu basezilalini abanazo iziqinisekiso zobunini bomhlaba (title deeds). Oko kufuneka kuphelile, ngokokutsho kukaSerobe.

Ukanti iyaqukunjelwa le nkomfa kusasa namhlanje apho kulindeleke ukuba iinkosi kwakunye noluntu lweli phondo luphume nezisombululo.