UMantyi ubulewe phambi kweentsana zakhe

UMKOMISHINALA oBambeleyo wamaPolisa ePhondweni, uMajor General Thandiswa Kupiso, umemelele ukubanjwa ngokukhawuleza kwababulele uMantyi phambi kwabantwana bakhe eMbizana.

Ingxelo ekhutshwe ngamapolisa idiza ukuba, lo mantyi (38) waseMt Ayliff ebesuka kwenye yeelali nomyeni wakhe kwakunye nabantwana babo, apho bebese umama wabo.

Ingxelo iqhuba ithi bathe xa besingise ngakwaNomlacu kufutshane nenkonzo iFaith Mission, kwathi gqi isithuthi esiluhlobo lweFord Ranger Double Cab emhlophe nethe yenza ngathi iyagqitha kubo.

“Abarhanelwa baye baqalisa nokudubula kule moto ikhwele olu sapho. Olo dubulo lukhokelele ekubhubheni kowasetyhini ekukholeleka ukuba nguMantyi waseMt Ayliff,” kubika uBrigadier Tembinkosi Kinana.

Uthi unyana wabo one13 leminyaka obekhwele nabo emotweni uye wonzakala kolu hlaselo, ngelixa umntwana one10 leminyaka eye wasinda.

Kuvakala ukuba umyeni walo mantyi, obeqhuba ngethuba lolu hlaselo khange amise, kodwa waqhubekeka esiya ngakwisibhedlele esikufutshane uyokufuna uncedo.

Eyona njongo yolu hlaselo kwesi sibini ayaziwa okwangoku. Amapolisa avule ityala lokubulala, namabini okuzama ukubulala.

Akukabanjwa mntu, uphando lusaqhuba.

“Nabani na onokubanolwazi olunokukhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa uyacelwa ukuba aqhagamshelane namapolisa akufutshane, kungenjalo atsalele inombolo kaCrime Stop engu – 086 00 10111. Lonke ulwazi oluziswe ngaphambili lakuphathwa ngokuyimfihlo,” kutsho uKinana.