‘Umanyano lomtshato luphakathi komfazi nendoda’

ISIGQIBO sesininzi seenkokheli zamaTshetshi esichasene nokusikelelwa kwemitshato yabathandana besisini esinye, sishiye iintlabazahlukane kulutsha lamaTshetshi – abanye bayabhiyoza logama abanye bedanile.

Kutshanje isininzi seebhishophu zamaTshetshi akumazantsi eAfrika, sivote ngokuchaseneyo nokusikelelwa kwemitshato yabathandana besisini esinye. Le voti itolikwa, ngabaninzi, njengesigqibo samaTshetshi sokungahambisani nabantu abathandana besisini esinye (iigeyi neelesibhiyeni).

I’solezwe lincokole neenkokeli zolutsha lamaTshetshi kwingingqi (diocese) yaseMbhashe naseMthatha.

Evakalisa uluvo lwakhe, uTembekile Qinga ongunondyebo kwiAnglican Youth of Southern Africa eMthatha uthe uyavuya yena sesisigqibo. “Ngokwebhayibhile nangokomthetho wamaTshetshi umanyano lomtshato luphakathi komfazi nendoda. Ndiyavuya kakhulu sisigqibo senkonzo yethu kuba siyinkonzo kuyafuneka ukuba siyimele inyaniso,” utshilo uQinga.

UQinga uthi isigqibo esithatyathwe ziinkokeli zamaTshetshi sinika ithuba inkonzo ukuba ithethe ngokuphandle malunga nomba wabantu abathandana besisini esinye. “Lo ibingumba osoloko usekhusini. Isigqibo esithatyathwe ziinkokeli zethu sisinika ithuba lokuba singoyiki ngoku ukuvakalisa izimvo ngalo mba. Oku akuthethi ukuba siyabacaphukela abo bathandana besisini esinye,” utshilo uQinga.

Kodwa yona inkokeli kwiAnglican Youth Fellowship eMbhashe uLuzuko Doda uthi nangona nje besihlonipha isigqibo senkonzo ngalo mba, bafumene ukudana belulutsha lamaTshetshi eMbhashe.

“Sidane kakhulu. Sikhe sahlala silulutsha eMbhashe saxoxa ngesi sigqibo. Eyona nto yenza intliziyo yethu ibe buhlungu kukuba apha kuthethwa ngoosisi noobhuti betyalike yethu.

“Wonke umntu, nokuba unjani, ungumfuziselo kaThixo. Siyabathanda abantu abaziigeyi neelesibhiyeni. Umnqweno wethu kukuba inkonzo ingase ibuye ngeneno kwesi sigqibo,” utsho uDoda.

UDoda uthi ngethuba bedibene kwindibano yolutsha laseMbhashe kwiveki ephelileyo, kukho umntu omtsha olilungu lale tyalike obaxelele ukuba yena uyigeyi. “Emva kokuba esixelele, simcele ukuba athobe amaxhala akukho kwanto ezakwenzeka kuye. Simxelele ukuba siyamthanda futhi uyakuhlala ebalulekile kwityalike yethu,” utshilo uDoda.

Iingxelo zithi kwiibhishophu ezingamashumi amabini anesibini, ishumi elinesithandathu livote ngokuchaseneyo nokusikelelwa kwemitshato yabo bathandana besisini esinye.

Ingxoxo malunga nomtshato wabantu besini esinye kumaTshetshi aseMzantsi Afrika ugqame kwekaCanzibe kulo nyaka ngethuba ilayisenisi yobufundisi kaMpho Tutu kwabonakala ukuba ingoxuthwa emva kokuba le ntombi kaArchbishop Desmond Tutu yathi yazimanya ngeqhina lomtshato nenzwakazi uMarceline van Furth waseNetherlands.

UTutu-Van Furth kwanyanzeleka ukuba ayeke kwisikhundla sakhe sobufundisi, emva komtshato wakhe noVan Furth.

Umtshato wabesini esinye ubesemthethweni kurhulumente woMzantsi Afrika ukusukela ngo2006 kodwa ngokomthetho wamaTshetshi “umtshato ongcwele lumanyano oluphakathi kwendoda nomfazi.”