UManyonga uvula amathuba eMhlanga eCacadu!

Imbaleki yeMpuma Koloni uLuvo Manyonga Umfanekiso: Dylan Martinez

 

Intshatsheli yokutsiba eyinzalelwane yeli leMpuma Koloni, uLuvo Manyonga, umisela ngokusesikweni itumente yezemidlalo ekhayeni lakhe eMhlanga, eKatkop eCacadu. 


Ingxelo ithi oku kuyinxalenye yeenzame zakhe zokubuyisela okuthile kwindawo azalwa kuyo. 


UManyonga sele ephumelele iimbasa ezininzi kuMzantsi Afrika nakwihlabathi kwezokutsiba emva kokuhlangulwa emlonyeni wegongqongqo eliziziyobisi.


Kutshanje, kwimidlalo yeCommonwealth eAustralia, uManyonga ngomnye wabadlali beli abathe babuya nodumo ngokufumana imbasa yegolide. 


Ethetha namajelo eendaba ngeenjongo zakhe zokuqalisa itumente yemidlalo ekhayeni lakhe eMhlanga uthethe wathi.  “Ndibona kufanelekile ukuba sahlukane nokusola imeko, koko senze izinto kwiindawo esivela kuzo, baninzi abantu abadinga uncedo lwethu kuMzantsi Afrika ngokubanzi,” uthethe watsho uManyonga. 


Uthi ngale tumente ukwajonge ukubona italente ekhoyo kwilali azalwa kuzo eMhlanga.  “Baninzi abantwana abafuna ukunikwa nje ithuba lokuba bazibonakalise ukuze kamva bangene nabo kwinqanaba lelizwe nehlabathi njengathi sonke,” utsho uManyonga.

 

Uhambisa athi le tumente iza kugxila kwibhola yomnyazi, iimbaleki, ibhola ekhatywayo nombhoxo.  “Ukusukela ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe sizakuba sifundisa ngeenkalo ezahlukeneyo zemidlalo, sikhangela nendlela aza kuma ngayo amaqela aza kuthatha inxaxheba,” utsho uManyona. 


Iilali zaseMhlanga ziphantsi komasipala waseMalahleni eCacadu kufutshane kakhulu nemigodi yamalahle. Ingingqi azalwa kuyo lo mfo inembali yokubavelisa abathandi neentshatsheli zemidlalo eziphambili eziquka uXolile Yawa owayeyintshatsheli yemigama emide kwiimbaleki, uSam Kibi owayezibalule naye ngexesha lakhe kwiimbaleki. 


Emva kokuhlangulwa ngeenkqubo ezahlukeneyo kwingxaki yeziyobisi eMbekweni, eKapa, uManyonga akazange alibazise ukubuyela ngokupheleleyo kwimidlalo.

 

“Kwimidlalo yeCommonwealth elandelayo ndizimisele ukuqala irekhodi elitsha, sele ndiqalisile ukwenza amalungiselelo oko, ndiza kusebenza nzima ukusukela ngoku ukuya kwimidlalo elandelayo yeCommonwealth,” utshilo uManyonga. 


Eli tshabangqa liphumelele imbasa yeOlimpiki kwinqanaba lesilivere kunyaka ophelileyo. UManyonga usoloko ebulela inkxaso yomqeqeshi wakhe uMario Smith ngempumelelo yakhe.