UMapisa-Nqakula kwindibano neenkokeli zakwalizwi

Bezibuthelene kwiCawa iFull Gospel eMdantsane iinkokeli zakwalizwi zengingqi yomasipala ombaxa iBuffalo City, apho zithe zahlala intlanganiso nomphathiswa wezokhuselo uNosiviwe Mapisa-Nqakula.

UMapisa-Nqakula uhlanganise amaqela amaninzi nekuquka kuwo abefundisi, ngethuba ekutyelelo kule ngingqi.

Abefundisi aba badandalazise izikhalazo zabo besithi iyabaxhalabisa into yokungananzwa kwabo beziinkonzo ezizimeleyo ngurhulumente.

Bakwathe bayazi ukuba urhulumente usebenzisana kakhulu nombutho weenkonzo iSouth African Council of Churches, kodwa bavakalise ukuthi lo mbutho awuzibandakanyi iinkonzo ezizimeleyo.

Bakwacelile kuMapisa-Nqakula okokuba aqwalasele iindlela ekunikezwa ngayo imihlaba kwiinkonzo ngamagosa kamasipala ombaxa weBuffalo City. Batyhola amagosa alo masipala ngokusebenzisa ubuqhophololo kwanobuqhetseba ekukhutshweni kweziza zokwakha iinkonzo.

Ngexesha lokunikeza intetho yakhe kule ntlanganiso uMapisa-Nqakula uthe: “Isizwe sixhomekeke ezicaweni ukufumana inkxaso ngemithandazo. Kananjalo siyabongoza singurhulumente ukuba iicawa zohlukane nokuchasa iinkqubo zikarhulumente ukuze sikwazi ukubumba siqinise intsebenziswano.”.

Ekuveni la mazwi asuka kumphathiswa, ezi nkokheli zakwalizwi zivakalise inkxaso yazo kurhulumente nokuthi zisaya kuqhubeka nokuthandazela isizwe, kuquka noMongameli Jacob Zuma.