Bubuqili bomkhosi welizwe loMzantsi Afrika ubambisene nebutho nezobuntlola obukhusela eli lizwe kwiintshaba zalo ingakumbi kweli xesha lokukhula kweziganeko zokunqoloba kwihlabathi.
Oku kuthethwe ngumphathiswa wesebe lomkhosi kweli uNosiviwe Mapisa-Nqakula ngethuba ebenikisa ngesipho semali engamakhulu amabini neshumi lamawaka eeandi kwisikolo samantombazana awayefunda kuzo iMount Arthur Girls eLady Frere izolo.
“Ihlabathi lonke liphantsi kohlaselo ngamaqela obunqolobi kodwa ndingatsho kuni ukuba eli lethu ilizwe likhuselekile ngenxa yomsebenzi owenziwa ngamajoni ethu, xa nilele zenivuke nisakhuselekile yazi ukuba lo msebenzi wenziwa ngamajoni eli sebe,” uthethe oko uNqakula.
Uthi unikisa ngale mali kuba esi sikolo sesinye sezikolo awathi wazityumba ukuba zizakuncedwa lisebe lakhe ngendlela ezahlukileyo.
“Ootishala kunye nequmrhu elilawula isiko lizakubona ukuba lizakwenza ntoni ngalemali,kodwa ngaphandle koko ndinqwenela ukuba kuphume abantwana apha abazakufumana uncedo lokufunda babheke phambili,” uchaze oko uNqakula.
Esi sikolo sasekwa ngonyaka ka1939 yinkonzo yama Wesile saza kamva sanikezelwa kubahlali balela ukuba ibengabo abanikazi.
Abafundi besisikolo ukwalindeleke ukuba bathathe inxaxheba kumboniso wenqwelo moya zomkhosi ozakuba uqhutywa lelasebe ngenyanga ka Septemba walonyaka.
“Ndifuna abantwana abalishumi elinesihlanu abaphuma apha ababonisa umdla kwizifundo zenzululwazi nezibalo ukuba bathathe inxaxheba kulombosi wenqwelo moya zomkhosi, ndiyayazi ukuba bazakufunda okuthile nomdla wabo ukhule kwizifundo zezibalo nenzululwazi,”utsho uNqakula. Lemali ifumaneke ngoncedo lenkampani ezisebenzisana nesebe lezomkhosi kweli eziquka uArmscor. Ongumlawuli oyintloko kwa Armscor uKevin Wakeford uthi bazimisele ukuxhasa ukuvuselelwa kwezifundo zezibalo nenzululwazi kwizikolo zasemaphandleni.
“Sele sincede izikolo eziliqela eMzantsi Afrika ingakumbi ezo zinabantwana ababonisa * ukrelekrele kwinzululwazi nezibalo esinye kwezo zikolo yi Mzomhle eMdantsane,” utsho uWakeford.
Isebe lomkhosi lenze oku ngelivala inyanga yokwenza okulungileyo egameni liMadiba.
Ngama-332 iintsuku zobumnyama ku2023