Usekela mphathiswa worhwebo kwakunye noshishino uMzwandile Masina ukhokele igqiza leli loMzantsi Afrika eliya kwinkomfa yoshishino yesibinni ebizwa ngokuba yi-Indian Ocean Rim Association (IORA) eseDubai neqhubayo kule veki.
Le nkomfa izakudibanisa bonke abaphathiswa borhwebo kwakunye noshishino abangamashumi amabini ananye abaphuma kumazwe ngamazwe.
Eyona nto kuzakube kuxoxwa ngazo kule nkomfa lubambiswano lamazwe ngezoshishino kwanotyalo-mali kuquka nonxibelelwano lweenkampani ngeenkampani.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro