Nanjengoko uninzi luzakube lusiya kumaziko emfundo enomsila, emva kokufumana iziphumo zabo, umasipala waseNdlambe ePort Alfred wenze iinzame zokukhawulelana nabo bazakuthi bangabinayo imali yokubhalisa kwezo yunivesithi bamkelwe kuzo.
Lo masipala ukhuphe isibhengezo kuye wonke umfundi obesenza ibanga leshumi nosele efumene ileta emazisayo ukuba wamkelwe kwiziko lemfundo ephakamileyo afuna ukufunda kulo.
Esi sibbhengezo nesijoliswe kubafundi abaphantsi komasipala waseNdlambe kuphela, sizakunceda abo bafuna ukwenza izifundo ezifanana nezezimali (Finance), ukhenketho (Tourism), ezomthetho (Law), impilo ngokusingqongileyo (Environmental Health), ezempilo (Medical) kunye nezobunjineli (Engineering).
Isithethi sikamasipala waseNdlambe uKhululekile Mbolekwa uthe, esona sizathu sidala ukuba bafune ukunceda kungokuba uninzi lwabafundi lusohluleka kukubhatala imali yokubhalisa eyunivesithi.
“Ngumnqweno wethu ukubona ulutsha luphumelela, yilo nto sizama ukunceda apho sikwazi khona,” utshilo uMbolekwa.
Asilotyeli lokuqala benceda abantu bebenjenjalo nakulo uphelileyo. Uthi, bebencede ngeelaptops kwaye bazimisele nokuqhubeka.
Usuku lokugqibela lokufakwa kwezicelo ngumhla wesibhozo kule nyanga. Kungatsalelwa * -Olwethu Soule kule nombolo 046 624 1140.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika