UMasipala ulumkisa abacinga ngokutyelela esi sixeko

UMASIPALA oMbaxa weBuffalo City uhlaba ikhwelo eluntwini oluhlala kulo masipala okanye olucinga ngokutyelela lo masipala needolophu zawo ekubeni luqaphele ngamaxa onke ngenxa yezinga eliphezulu losuleleko lwentsholongwane iKhorona.
Sithetha nje abasele bebhubhile kulo masipala bangama183 kwiinkcukacha ezintsha ezikhutshwe ngoLwesihlanu.
“Umasipala uyaligxininisa kwakhona ikhwelo lokuba wonke umhlali naye nabani na ondwendwela lo mmandla ahlale elumkile kuba le yindawo egcwele intsholongwane yekhorona,” esi sisilumkiso esikhutshwe ngumasipala iBCM.
La manani abonisa oku kuxhuma kungaka ngawabantu abavavanyileyo, abaphile kwikhorona nabo bathe babhuba, ikhutshwa lisebe lezeMpilo.
Ngomhla wamashumi amabini anesibini kule veki, iziko iBCM Covid-19 likhuphe ingxelo ethi bali16 274 abaqinisekisiweyo ukuba baneKhorona kodwa bali12 867 abathe bayilwa le ntsholongwane baphila ze abali183 babhubhile. 
Abe-WHO badiza ukuba abona bantu basemngciphekweni nangakumbi kule ntsholongwane ngabo baphakathi kweminyaka engamashumi amahlanu ukwenyuka, kwaye abanye abasemngciphekweni ngabo baphila nezifo ezifana neseswekile,  esephepha kwakunye nehigh blood pressure.