Umasipala uyilungisile ingxubakaxaka yamanzi

INGXAKI yokunqongophala kwamanzi eMonti ilungisekile kwimimandla eliqela ngokwelizwi eliphuma kumasipala ombaxa iBuffalo City.

Kwingxelo, umasipala uthi ukulungiswa kombhobho, nothe wadala ukunqongophala kwamanzi, kugqitywe ngentsimbi yesine emalanga ngoLwesibini.

Umasipala weBCM uthe iindawo ezifana neDawn, Wilsonia, Scenery Park, Duncan Village, Amalinda, Braelyn, Westbank, Greenfields, Nahoon, Berea neSaxilby ziqalile ukufumana amanzi kwayizolo.

Iindawo ezikwimimandla ephezulu ezifana neVincent, Beacon Bay neGonubie bekulindeleke ukuba zifumane amanzi ngokuhlwa izolo.

Le ngxelo iqhuba ithi, imimandla efana neQuigney, Cambridge nombindi wedolophu yaseMonti bekulindeleke ukuba ibezindawo zokugqibela ekufumaneni amanzi.

“Abahlali bangafumana amanzi aphuma kancinci kuba umbhobho wethu usazama ukugcwalisa zonke iindawo. Siyaxolisa yimeko edalwe kukunqongophala kwamanzi,” utshilo umasipala.