UMasipala waseBhayi unceda abahluphekayo

Unyundula iimpula zikaLujaca nabaphila nokukhubazeka ebugxwayibeni uMasipala waseNelson Mandela Bay.

Kwilinge lakhe lokuphungula umthwalo woxinano namathuba olosuleleko yiCovid 19 egqugqisayo, lo masipala usungule iphulo lokugutyula aphelise ingxinano ematyotyombeni ngokususa olu didi lwabantu abase kwiindawo eziphangaleleyo. Kule veki lo masipala ududulele malunga neshumi leentsapho ezisusa kwiilokisi ezahlukeneyo zale ndawo wayokuzibeka kwindawana ebizwa ngokuba yiNU 29 kwizindlwana ezenzelwe ukuhlala ixeshana.

“Sinikezele ezi zindlwana phantsi kwephulo lethu lokusebenzela uluntu ngokubasa kwiindawo ezingconwana ngeli thuba besalinde ukuvunywa kwezicelo zabo zemali esisibonelelo solwakhelo nangethuba besalinde ulwakhiwo lwamakhaya abo,” utshilo uAndile Mfunda okhokela iSebe loHlaliso loLuntu kulo masipala.

Uhambise wathi ukuphungulwa kwabantu kwiindawo ezixineneyo ematyotyombeni ayizikuphelela kwezi koko yinkqubo kamasipala nesebe lakhe.

Etsale uncumo lukaBlankethe, uThobile Saza ohamba ngesitulo samavili uthe uziva echulumancile sesi sibonelelo, watsho esithi kuyamvuyisa ukuba abe ngoku uza kuba ngumninisiza ehlala kwindawo epholileyo endaweni yala ngxinano kwiimeko ezingaginyisi mathe, ngoku ndiza kuba kude lee kwiintsholongwane.

“ Ibindihlupha kakhulu emphefumlweni into yokuhlala phakathi kobugxwayiba, ndibulela umasipala ndikwathemba ukuba le nkqubo ayiyi kuphelela ngeli xesha lesi sifo seCovid 19 noko bayifake kwiagenda yabo,” utshilo.

Osisithethi salo Masipala, uMthubanzi Mniki, uthe kulindeleke ukuba kusondezwe ezinye iintsapho kwizindlwana zexeshana ezilikhulu kwakulo nyaka.

isibhalo@inl.co.za