Umasipala waseKokstad uza kuhoya ulutsha

KOKSTAD: EMVA kweminyaka umasipala iGreater Kokstad ungenamntu ojongene ncakasana neemfuno zolutsha kwiintlanganiso zebhunga, ude wafumaneka.

Sele kuyinyanga eqalile kulo masipala. Le ofisi yamkele uStone Nondize ngoMvulo kule veki. UNondize ebesoloko ekade ezijonge ngeliso lokhozi iinkqubo eziphuhlisa umntu omtsha kule dolophu.

Kudliwanondlebe nalo kaNondize uthe oko engenile kule ofisi alukho usuku olukhe luphele kungekho mntu mtsha ofuna ingcaciso ngemicimbi edla ulutsha.

“Le ofisi ixakekile kakhulu kodwa akusosikhalazo eso, kulungile ukuba sizive izikhalo zabantu abatsha. Ngale ndlela bazotsho bazive bebandakanywa kwizigqibo zonke ezithi zithatyathwe,” kutsho uNondize.

Utsho esithi, abantu abatsha mabangaxhalabi kuba basezandleni ezikhuselekileyo.

“Izinto esizifumanayo ebantwini abatsha zonke iintsuku yimibuzo yokufumana iindlela zokuziphilisa kwanezibonelelo ezisuka kumasipala. Sizimisele ukuqubisana nayo yonke imiceli-mngeni ejongene nolutsha, ingakumbi ukuphuhliswa nokuphuculwa kweendlela ezizisa amathuba emisebenzi,” uququmbele ngelitshoyo uNondize.