UMasualle ebexakene nengqumbo yeANC

Kungentseni yangoLwesine umhla weshumi kuCanzibe apho iNkulumbuso yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle ikhupha isimemo koonondaba kwinkomfa emalunga nokubhengezwa kwabaphathiswa abatsha ebihlelelwe uLwesihlanu.

 

Emva kweso simemo, iANC ephondweni iyalele uMasualle ukuba enze utshintho lungaphelanga usuku lwangoLwesine, kwinto engatolikwa njengaleyo ibethelela ukuba iCalata ibifuna ukubonakalisa ubunganga bayo kuMasualle.

 

Oonokrawuzana bathi umyalelo ongqongqo weCalata ubangelwe ngamahumhum okuba bekukho isithintelo senkundla esithukuzayo, ebesinokubangela ukuba uMasualle akurhoxise ukutshintshwa kwabaphathiswa bakhe.

 

Ngokwekhabhinethi entsha, ligxothwe lonke iqela labaphathiswa ebelinemfesane ngakuMasualle, kulandela inkomfa yeANC ephondweni eyayibanjelwe eMonti kunyaka ophelileyo. Kule nkomfa, uMasualle waphulukana nogqatso lokuba ngusihlalo wombutho ephondweni ngethuba wayequbisana noOscar Mabuyane.

 

Abaphathiswa ababexhasa uMasualle, nabagxothiweyo, nguNancy Sihlwayi (obekuphuhliso loluntu), Mlibo Qoboshiyane (obekuphuhliso lwamaphandle), Thandiswa Marawu (obekwimisebenzi yoluntu) noSakhumzi Somyo (obekuphuhliso lwezoqoqosho nezimali). Endaweni kaSihlwayi kungene uGqirha Pumza Dyantyi, endaweni kaQoboshiyane kwangena uXolile Nqatha, kwekaMarawu kungene uPemmy Majodina logama kwekaSomyo kungene uOscar Mabuyane.

 

Ngokucacileyo, xa kuqwalaselwa imbalelwano kaMasualle, utshintsho lwekhabhinethi belunento yokwenza nenkomfa yeANC yephondo. “Ngokwenguqu entsha kwezopolitiko, kuye kwanyanzeleka ukuba kuphengululwe indlela asebenza ngayo urhulumente wephondo,” utshilo uMasualle.

 

NgoLwesithathu wale veki, uMasualle udize ukuba: “Njengamaqabane ombutho, kubakho amatyeli apho kuye kunyanzeleke ukuba wenze izinto nokuba awonwabanga zizo.”

 

Ngokwekhabhinethi entsha, uMabuyane nguMphathiswa omtsha wophuhliso lwezoqoqosho, imicimbi yezendalo, ukhenketho nezimali. UHelen Sauls- August ususwe kwisebe lokuhlaliswa koluntu wasiwa kwelezempilo. UMlungisi Mvoko, usekela sihlalo weANC ephondweni, ngumphathiswa wesebe lokuhlaliswa koluntu.

UPemmy Majodina ususwe kwisebe lezemidlalo, ulonwabo, ubugcisa nenkcubeko (DSRAC), wasiwa kwelemisebenzi yoluntu. UBulelwa Tunyiswa uza kuphatha uDSRAC.

 

Unobhala wamaKomanisi ephondweni uXolile Nqatha ngumphathiswa wophuhliso lwamaphandle, ze uGqirha Pumza Dyantyi wasuswa kwisebe lezempilo, wasiwa kwelophuhliso loluntu.

 

Akukho tshintsho lwenziweyo kwisebe lezemfundo (Mandla Makupula), elezothutho (Weziwe Tikana) nakoomasipala (COGTA) abakhokelwe nguFikile Xasa.

 

Unobhala weANC ephondweni uLulama Ngcukayitobi uthi olu tshintsho luza kuncedisa urhulumente wephondo ukuba afunqule umxakatho wokusa iinkonzo eluntwini.