UMasualle ubinze ngezigidi kwiiyunivesithi

UBINZE ngeshumi elinesithandathu lezigidi zeerandi urhulumente weMpuma Koloni wemfundo kwiiyunivesithi zeli phondo.

Oku kudizwe yinkulumbuso yeli phondo uPhumulo Masualle kwindibano neeNgqonyela zala maziko kwakunye neenkokeli zabafundi.

Le mali izakunceda abafundi abaphuma kumakhaya asezintweni, kodwa anokutsalanzima kuba aba bafundi bengenalungelo lokuxhamla kwinkxaso-mali yeNSFAS.

UMasualle uthe: “Siye sabona ukuba sifake isandla kwabo baphuma kumakhaya noko abhetele, kodwa babe besasokola. Umphathiswa wemfundo ephakamileyo kuzwelonke uthe umba wabo uwunika ingqwalasela ukuba nabo ukuba bakwazi ukuba nezibonelelo, sibonile ukuba singurhulumente wephondo singalindi iziphumo zoko, sifake intwana yemali kuzo zone iiyunivesithi zeli.”

IYunivesithi yaseWalter Sisulu ifumene isabelo seR6,190 yezigidi, iFort Hare ifumane iR5,019, ize iYunivesithi yaseNelson Mandela Metropolitan yafumana iR2,1825 yezigidi, ngelixa iRhodes izakufumana iR1,3384. Ubongoze abafundi ukuba bangabheneli kubundlobongela, koko babambe uthethathethwano namaziko emfundo xa benezikhalazo.

Eli phondo belikwanike inkxaso yezigidi elishumi elinesibho kuhlalo lwabiwo-mali laphakathi enyakeni ngenjongo yokuncedisa abafundi abaphuma kumakhaya angathathi ntweni.

Ukwathe le mali yahlukene kwiibhasari ezikhutshwa ngamasebe karhulumente weli phondo, kuquka neye ofisi yenkulumbuso. UButsha Lali ongunobhala wolutsha lwe- ANC kweli phondo nobeyinxalenye yale ntlanganiso uthe, “Ziyasincumisa iziphumo zale ntlanganiso, kuba nabantwana bempula zikalujaca bazakufumana amathuba okwenza imfundo ephakamileyo, kwakunye nabo bebekade bengakwazi ukufumana inkxaso kaNSFAS, ibonakalisa ukuba ikhona indlela eya phambili.” Neentloko zala maziko ziyamkele ngezandla ezishushu lenkxaso. UGqirha Sizwe Mabizela weYunivesithi yaseRhodes, obethethela ezi ngqonyela uncome urhulumente weli ngokuguqula imali ebijongene nezinye iindleko zikarhulumente ngesaqhuphe esidalwe luqhankqalazo lwabafundi. “Ndiyathemba ukuba uluntu luzakuwamkela amanyathelo karhulumente wokuhlangabezana neengxaki zemfundo ephakamileyo kweli, ngakumbi kwabo bahluphekileyo,” utshilo uMabizela.

Ukwabongoze abazali abakwaziyo ukuhlawula imfundo yabantwana ukuba bancedisa de sifumaneke isisombululo semfundo yamahala kumaziko emfundo ephakamileyo.