UMasualle ufuna iimpendulo ngephulo laseDutywa

INkulumbuso yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle, uthi kuzakuthatyathwa amanyathelo ngakumagosa esebe lophuhliso lwamaphandle angunobangela wokudodobala kwephulo lezolimo likarhulumente eliseDuff Mission kwilali yakuBomela eDutywa.

Eli phulo, nelixabisa izigidi ezingamashumi amathathu zeerandi (R30m), lasungulwa ngobesakuba ngumphathiswa wezolimo eMpuma Koloni uGugile Nkwinti kuTshazimpuzi ka-2009.

Ukusungulwa kwalo, kwathengwa iiteletele, amakhuba, izixhobo zokufukamisa izityalo, izixhobo zokucola imveliso, amatanki, izixhobo zokunkcenkceshela phakathi kwezinye zezinto.

Kodwa xa ungena kwizakhiwo zeli phulo ugangwa sisiza esibalisa ngobomi baso. Izilwanyana ziyaziyabulela – ezinye zilala kwizakhiwo ezakhiwe ngokomfuziselo womzi-mveliso. Oku kungenxa yokuba unogada owayeqeshwe lisebe ukujonga ezi zixhobo wemka kuba engahlawulwa.

Ngokwesebe lophuhliso lwamaphandle, eli phulo lalifanele ukuba lilima futhi livelise imifuno eMbhashe ze lenze isuphu nezinye izidlo emva koko zithunyelwe ezikolweni nakumaziko karhulumente afana nezibhedlele.

Ethetha phambi kwentetho yakhe yobume bephondo eBhisho kwiveki ephelileyo, uMasualle uthi eli phulo lifanele ukuba lisebenze.

“Ukuba kukho iingxaki kwezolawulo ngakwicala lamagosa ethu, ukhona umntu ekufanele ephendule malunga noko. Kodwa ke masiyibalule eyokuba eli liphulo lethu sonke. Lo nto ithetha ukuba abahlali banoxanduva lokulikhathalela,” utshilo uMasualle.

I’solezwe lapapasha ibali leli phulo kwinyanga yeNkanga nyakenye. Ngelo xesha, abantu bakuBomela babekhalazela urhulumente besithi ungunobangela wokutshabalala kweli phulo. “Nokuba angathi urhulumente sinoxanduva lokujonga izixhobo zeli phulo, kodwa asinakulala phaya. Ngoko ke urhulumente nguye ongunobangela wokungahoyeki kweli phulo,” kutsho umhlali wakuBomela.

Ethetha eMonti ngoMvulo, kumsitho wokungqubanisa iintloko nabasemagunyeni, uMasualle uthi ukuze liphucuke izinga lokusiwa kweenkonzo, urhulumente kufuneka akwamkele ukugxekwa.

“Siyeva ukuba amagosa karhulumente asebenza kufuphi nabantu, anako ukungabaphenduli ngendlela abantu bakowethu. Ayamkelekanga lo nto, abantu bakuthi kufuneka bahoywe ngendlela enesidima. Abantu basezilalini ngabo abavotayo, yiyo le nto befanelwe ukuhoywa,” kutsho uMasualle.

Kwintetho yakhe yeveki ephelileyo, uMasualle uthi xa sele similiselwe ngempumelelo isicwangciso seminyaka emithathu sesebe lezemfundo, kuninzi okuzakutshintsha kweli sebe.

UMasualle ukwathe abantwana abangaphaya kwesigidi esinesiqingatha (1 599 046) baxhamla kwimfundo engahlawulelwayo.

Kwezempilo, uMasualle uthi isebe lezempilo lizakuququzelela ukuvavanywa kwabantu abakwi-1.4 yesigidi kunyaka-mali ka2017/18. Kwezolimo, UMasualle uthi amaphulo ezolimo azakuthi gqolo ukuxhaswa nanjengoko engundoqo wophuhliso loqoqosho.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za