UMasualle ukhumbula igosa laseBhisho elingasekhoyo

IZAKUBAMBA isikhumbuzo segosa lonxibelelwano elingasekhoyo uMzolisi Blouw i-ofisi yenkulumbuso yeMpuma Koloni uPhumulo Masualle.

UBlouw usutywe kukufa kwingozi yemoto eMonti ngentsasa yangeCawe. Isikhumbuzo sakhe sizakubanjwa namhlanje kwiholo yecawe iBhisho Community Church ukususela ngentsimbi yeshumi elinanye.

UMasualle uthi ezi zindaba ezibuhlungu kakhulu, kwaye kuyilahleko kwiphondo ukusweleka kukaBlouw, obesebenza njengegosa lezonxibelelwano kwi-ofisi yenkulumbuso, emva kokusebenza kwi-ofisi kaMasualle, ngethuba wayengumphathiswa wezemali.

“Sizakumkhumbula njengendoda ebiwuthanda umsebenzi wayo,” utshilo uMasualle.

Uqhube wathi, “Ebethandwa luluntu kwindawo aphuma kuyo eHankey, apho ebesaziwa njengomntu wokuqala ukusebenza eBhisho.”

Wenze umyalezo wovelwano kusapho lwakhe, nakuluntu lwaseHankey ngale lahleko.

Ukwathe kukaBlouw yilahleko kumbutho weANC ebelilungu lawo.