UMasualle ukhumbule amalungu e-ANC eNgcobo

Amaxhoba amabini angamalungu ombutho olawulayo iANC asweleke kwingozi yemoto ngelixa esingise kuphehlelelo lomqulu wezithembiso zolonyulo eBhayi, azakukhunjulwa njengabantu abebezimisele kakhulu emsebenzini wabo wobuvolontiya.

UNokuselo Ntabeko noNosayinile Mde baseNgcobo basutywe ukufa kwingozi emasikizi yokuntlithana kwemoto eyiQuantum abebekhwele kuyo kunye neveni ekutyholwa ukuba ibiqhutywa ngutata obephantsi kweempembelelo zotywala kwilali iQamata cebu kuhle eCofimvaba.

Inkonzo yesikhumbuzo yesi sibini ibizinyaswe yinkulumbuso yeli phondo uPhumulo Masualle, ophinda abengusihlalo we-ANC kweli phondo, umphathiswa wezothutho ephondweni uWeziwe Tikana, unobhala we-ANC ephondweni * -Oscar Mabuyane kunye nomphathiswa uFikile Xasa. Inkulumbuso ithi umbutho olawulayo uxhelekile kuku-sweleka kwesi sibini sikwindlela eya emsebenzini wabo abebewenza ngokuzinikela nothando.

“Sisithwakumbe esi sisehleleyo singulo mbutho, kulo nyaka sishiywe ngabantu abalishumi elinesibini xa sidibanisa neshumi elisweleke kwingozi yebhasi eFreyistata, kodwa nangona kunjalo siyayamkela le meko, thina bashiyekileyo masiqhubeleke nedabi elishiywe ngala magorhakazi siwusebenzele nzima umbutho wethu, yaye sivote ngala mhla wesithathu ku-Agasti,” kutsho uMasualle.

UTikana uthe, eli phondo belibhiyoza emva kokwehla kwamanani eengozi emva kwePasika, kodwa iyaxhalabisa ke ngoku into yabantu abangena ezindleleni bephantsi kweempembelelo zotywala, yaye ezi ngozi zizo ezonyusa amazinga eengozi kweli phondo inyanga nenyanga.

Zombini iintsapho zithi ziyamkele imeko yokushiywa zizihlobo zabo, nangona kubuhlungu, kodwa baxolile kukusweleka kwabo besendleleni yento abayithanda kakhulu ukusebenzela umbutho we-ANC.

Amaxhoba azakubekwa kule mpelaveki kwiilali zaseNgcobo.