UMasualle unethemba lokuba zizakuphucuka iimviwo zikaGrade 12

INkulumbuso yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle: UMFANEKISO: OTP

INKULUMBUSO yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle uthi unethemba lokuba lizakuphucuka iqondo lokuphumelela kwabafundi bakaGrade 12 kweli phondo kunyaka ka-2016.

UMasualle ebethetha eBhisho ngoLwesihlanu kwinkomfa noonondaba ebikhwetywe nguye ukuza kuphosa esivivaneni nanjengoko uninzi labafundi luza kuqala ukuhlalela iimviwo kwiveki ezayo.

Kwiimviwo zonyaka ophelileyo, iMpuma Koloni ibikwakwindawo yokugqibela kumaphondo eli emva kokuba ize no-56.8%.

Ukuzama ukulwa noku, isebe ligqibe kwelokukhweba iinqununu ezilikhulu elinamashumi amane esele zisidla umhlala-phantsi ukuba zizokuncedisa.

Ezinqununu ziqalile ukuncedisa izikolo ezisokolayo ukusukela ngomhla weshumi kule nyanga, ukulungiselela iimviwo zikaGrade 12.

UMasualle walile ukudiza ukuba ucinga ukuba lizakuqhuba njani iphondo kwezi mviwo, kodwa uye watsho okokuba xa izinto zingahambanga kakuhle, “amagosa ezemfundo kuza kufuneka ephendule”.

INkulumbuso ikwamemelele kubazali ukuba banike inkxaso ebantwaneni ngeli xesha leemviwo.

Kusenjalo uMasualle ukwathe iphondo lixhalabile luqhankqalazo labafundi baseyunivesithi, ingakumbi eNelson MandelaMetropolitan University eBhayi. UMasualle uthi bengurhulumente benza iinquleqhu zokusombulula le nyewe.

“Iyasixhalabisa kakhulu kuba xa lungade luphele olu qhankqalazo lunganefuthe elibi ephondweni. Ngokomzekelo ababantwana bafunda uGrade 12 kulo nyaka bazakufunda phi kunyaka ozayo?” kubuza uMasualle.