UMasualle unqwenelela iSundowns impumelelo kumdlalo wayo

INkulumbuso uPhumulo Masualle ethetha eBhisho namhlanje. UMFANEKISO: OTP

INKULUMBUSO yephondo leMpuma Koloni uPhumulo Masualle unqwenelela iMamelodi Sundowns impumelelo kumdlalo wayo womlenze wesibini wamagqibela kankqoyi weCAF Champions League.

 

ISundowns izakudlala neZamalek kumdlalo ozakubanjelwa kwibala iBorg El Arab eAlexandria eJiphete ngokuhlwa kwangeCawe.

 

IDowns ibiyibethe ngamagowuli amathathu eqandeni (3-0) iZamalek kumlenze wokuqala obubanjelwe kwibala iLucas Moripe ePitoli kwiveki ephelileyo. 

U-Asavela Mbekile, umdlali wasemva odlale indima enkulu kumdlalo weSundows neZamalek, yinzalelwane yaseCofimvaba.

 

UMasualle uthe: “Sinqwenelela iSundowns impumelelo. Umlenze wokuqala bawuqoshelise ngempumelelo entle kakhulu. Iyasivuyisa into yokubona ukuba kweli qela kukho nenzalelwane yephondo lethu. ISundowns imele uMzantsi Afrika kulo mdlalo kwaye impumelelo yayo iyakuba yeyethu sonke sililizwe.”

 

Lityeli lesibini eli iSundowns idlala kumagqibela kankqoyi eCAF Champions League nanjengoko yabethwa ngamagowuli amane kwelinye (4-1) yi-Al Ahly yaseJiphete ngo2001.