UMasualle uqhankqalazile, esilwela oomama

INkulumbuso yePhondo leMpuma Koloni uPhumulo MasualleUMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

INKULUMBUSO yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle uthi lifikile ithuba apho amagosa karhulumente kufuneka eziqhelise ukuquka zonke izini xa equlunqa iinkqubo zemisitho karhulumente.

UMasualle ukuthethe oku kumsitho obubanjelwe e-ICC eMonti wesebe lezemfundo apho bekuwongwa abafundi beli phondo bakaGrade 12 ka2016 abathe bagqwesa kunabanye.

Lo kaMasualle uthi uthe xa ebeqala ukubona inkqubo ehlelelwe lo msitho uqonde ukuba “ikhona into egwenxa”.

Oku kungokuba zonke izithethi kulo msitho ibingamadoda. Le nkqubo ibiqulathe amadoda asixhenxe aquka uMasualle kwakunye noMphathiswa wezemfundo ephondweni uMandla Makupula. Kwankqu nomlawuli wenkqubo ibiyindoda, uMahlubandile Qwase osebenza kwi-ofisi yeNkulumbuso.

Kwimvula-mazwi yakhe, uMasualle uthe yinto engamkelekanga le. “Inkqubo enje ayifanelanga kwenziwa ngonyaka ka2017, nditsho naku2016. Ukuqala kwam ukuyibona, ndiyibuzile kumagosa futhi ndafaka isikhalazo, futhi ndaqhankqalaza ndibuza ukuba kutheni kungekho mntu ongumama nje.

“Ndixelelwe ukuba ayinakuba sajikwa kuba sele lifinyezekile ixesha lokuqala komsitho,” utshilo uMasualle.

UMasualle uthi kufuneka kuqulunqwe umqulu onyanzelisa ukuba kuxutywe izini zonke kwimisitho karhulumente. “Xa ingenzeki lo nto, kufuneka siyinyanzelisile,” utshilo uMasualle, watsho eqhwatyelwa izandla ngabantu abebeyinxalenye nomsitho.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za